IDowns iya kumdlalo weCaf ingciphuza

UHlompho Kekana noTiyani Mabunda beMamelodi Sundowns bangaphoswa ngumdlalo weCaf ngoLwesihlanu umfanekiso: Backpage

Umqeqeshi weMamelodi Sundowns, uPitso Mosimane, nabadlali bakhe babuyela kwimidlalo yeCaf ngokusesikweni kule veki.

Nangona iDowns isiya kulo mdlalo inokuzithemba okukhulu emva kokuphumelela iCaf Champions League ngo2016 neCaf Super Cup kwinyanga ephelileyo – kodwa kukho ukungciphuza okuyikhathazayo ngenxa yokwenzakala kwabadlali.

AmaSandawana amkela iKampala City Council kumdlalo weCaf Champions League ozakube useLucas Moripe Stadium ngo 19:00 ngoLwesihlanu. UMosimane unethemba lokufumana amagowuli nokuba mathathu kulo mdlalo – eyona nto ibalulekileyo kwiqela elidlalela ekhaya.

“Baliqela elinzima, izakuba ngumdlalo omkhulu lo. Kufuneka sifake amagowuli ekhaya ngokuba kuba nzima xa singaphandle. Ndilibonile eli qela liphumelela umdlalo ngo 7-0, linomdlali odlala ekunxele ofaka amagowuli. Bayingozi enkundleni yabo, kufuneka sifake amagowuli apha ekhaya,” utshilo uPitso kwiSolezwe.

“UTiyani Mabunda wenzakele, uHlompho Kekana akakwazanga ukugqiba umdlalo eKapa ngenxa yokwenzakala. Akakayibambi ncakasana indlela esidlala ngayo uLucky Mohomi. Kuye kwanyanzeleka ndonge uBangaly Soumahoro ukuze adlale kulo umdlalo, kanti uWayne Arendse unamakhadi – kodwa sifuna ingcaciso ngawo kwiCaf,” utshilo uJingles.

IiBrazilians ziyahlonitshwa ngokupheleleyo ngoku kwizwekazi le-Afrika emva komsebenzi omhle kunyaka ophelileyo. Lo nto isanconywa kakhulu nalapha eMzantsi Afrika. Njengokuba emane amaqela eli lizwe adlala imidlalo yeCaf, kukho ithemba lokuba ayakulandela ekhondweni leSundowns namanye. IBidvest Wits ityelela i-Al Ahly kumdlalo ose-Al Slam Stadium ngo 18:00 ngoMgqibelo.

Lo ngumdlalo omkhulu futhi obalulekileyo kuwo omabini la maqela. KwiCaf Confederation Cup, iPlatinum Stars iya kwiVipers kumdlalo ongoMgqibelo. Kuze kuthi ngeCawe iSuperSport United idlale ne-Al Ahly Shendi kumdlalo oseShendi ngo 18:30.