Iqela lombhoxo iEastern Jumpers liphumelele itumente yombhoxo yePasika ebisingathwe yiMoko Sports Foundation eZihlahleni ngaphandle kwaseQonce ngoMvulo.
La madoda aphuma eMantlaneni ayiphakamisile indebe ze aphumelela ibhaso elikhulu leR50 000 emva kweentsuku ezine zokhuphiswano olumandla olunamaqela angamashumi amathathu anesibini (32) asuka eMpuma Koloni naseNtshona Koloni.
Iinjongo zale tumente yePasika, edlalwa minyaka le kwibala lezemidlalo iMoko Sports Complex eZihlahleni, kukwenza inkqubela ngenxa yokuba ukungathabathi nxaxheba kwabadlali kumanqanaba aphezulu ebhola yombhoxo kunciphisa amathuba abo okubonisa izakhono zabo.
Le tumente ikwanika ithuba lokuba batsale umdla wabahloli betalente abanokuthi babancede baqhubele phambili kumdlalo wombhoxo.
IEastern Jumpers ibethe iStrong Wave kumdlalo wokugqibela, la maqela adlale iSunrise neHomeboys kumdlalo owandulela owamagqibela kankqoyi.
IStrong Wave ifumene iR30 000 njengeqela eliphume kwindawo yesibini. Iqela eliphume kwindawo yesithathu lifumene iR20 000 laze elesine lafumana iR10 000. Umdlali wetumente ufumene iR2000 kwaye abanye abaphumelele kudidi lomntu ngamnye bafumana iR1000.
IMoko Sports Foundation yasekwa kwiminyaka emihlanu eyadlulayo ngusomashishini owaziwayo waseMpuma Koloni uSiyabulela Moko.
Abaphathiswa, oosodolophu, abameli becandelo labucala, kwaneNkulumbuso yeMpuma Koloni uOscar Mabuyane ngabanye babantu abebezimase le tumente.
“Utyelelo lukaMabuyane beluluhle, kwaye sifuna ukwenza umbulelo wethu kwiNkulumbuso ngokusinika ixesha lakhe nokuzibandakanya nathi. Asiyithathi lula le nto kwaye sivuya ngokwenene ngamathuba asazayo,” utshilo uMoko.
“Sikholelwa kakhulu kumandla entsebenziswano, kwaye sizimisele ukusebenzisana norhulumente ekuqhubeleni phambili imidlalo kwilizwe lethu esilithandayo. Sikunye, singenza impembelelo ebalulekileyo kwaye senze utshintsho oluhle kuluntu lwethu ngemidlalo.”
Abo bebezimase itumente yePasika bonwabele umculo weemvumi zasekuhlaleni namagqala wombhoxo asekuhlaleni. Bakonwabele nomdlalo wokugqibela wetumente yeqakamba iRay Mali Foundation T20 kunye nomdyarho wamahashe omgama omfutshane nomgama omde.
IPirates ibhale iincwadi zembali ngokutsha eMoses Mabhida Stadium!