Uzinikele emapoliseni umyeni obulele inkosikazi yakhe!

Kudutyulwe kwabulawa inkosikazi eneminyaka engamashumi amane anesithathu (43), ngumyeni wayo oneminyaka engamashumi amane anesithandathu (46), ngoLwesine kwiveki ephelileyo, eMount Arthur ephantsi koMasipala iChris Hani.

Ingxelo ekhutshwe ngamapolisa ithi, umrhanelwa uzinikele emapoliseni emva kokwenza esi sehlo, nalapho ethe wabanjwa wavalelwa. Amapolisa atyelele indawo yexhwayelo, nalapho afike umzimba wenkosikazi udunduluze kwichibi legazi kwaye unamanxeba.

Unobangela wesi sehlo awukaziwa, nanjengoko uphando lusaqhuba. Ukanti kuvulwe ityala lokubulala.

Umrhanelwa uza kuvela kwinkundla yamatyala, eLady Frere kungekudala.