IMIFANEKISO: Imililo ishiye abantu bengenamakhaya eKayamandi

Imililo kumatyotyombe aseKayamandi eStellenbosch eKapa inyanzelise abantu abangaphezu kwe1000 ukuba bashiyeke bengenandawo zokufihla iintloko.

Imimoya ebhudla ngamandla ibangele ukwanda kwemililo kula matyotyombe. Le mimoya ivuthuza iizinki kunye neentsimbi ezibeka umngcipheko omkhulu kubahlali kwaye ngenxa yoko iinzame zokubafumanela iindawo zokuhlala ziyaqhubeka.

Kuqikelelwa ukuba amatyotyombe athe atsha angaphaya kwama300, ngelixa abantu abangaphezu kwe1000 bashiyeka bengenamakhaya. Uluntu luxhalabile sisilumkiso esiqatha semozulu yeentsuku ezizayo.

Umbutho ojongene noluntu, iGift of the Givers uncedisa uluntu lwaseKayamandi.

IMIFANEKISO: Banxunguphele abahlali baseKayamandi emva komlilo otshise amakhaya abo. Imifanekiso: Gift of the Givers.

Hundreds have been left destitute. Photo: Gift of the Givers