Iqela laseLimpopo, iBaroka FC, lityhile kwelinye iphepha kule isizini. Eli qela lithe ngcu kwindawo yesibini ngale njikalanga emva kokubetha iFree State Stars ngo’1-0 kumdlalo we-Absa Premier Soccer league obubanjelwe ePeter Mokaba Stadium ngenjikalanga yanamhlanje. Amakhwenkwe kaKgoloko Thobejane akakabethwa nakanye kule sizini intsha emva kwemidlalo emine. IBaroka iphumelele imidlalo emibini yaze yadlala ntanganye kwemibini, ngoku inamanqaku asibhozo egameni layo.
La maqela axhwithene zisuka kwakwisiqingatha sokuqala – kodwa okuthe kwabonakala kukungakwazi ukusebenzisa amathuba. ULucky Nguzana noTalent Chawapihwa bebeyinto ibila kubadlali basemva beFree State Stars amatyeli aliqela – kodwa bakwazi ukuzivala iibhola ebeziyingozi. Kuyiwe kwuxesha lokuphumla kungekho qela libhalisileyo ebhodini. Kwisiqingatha sesibini ibuye ngamandla kwakhona iBaroka yade yavuzwa ngegowuli elifakwe nguMpho Kgaswane kwimizuzu emihlanu phambi kokuphela komdlalo. Ligowuli eliyibeke endaweni entle kakhulu iBaroka kwiPSL. Ngelishwa iFree State Stars kusafuneka isebenze ngoba ayikayifumani impumelelo kule sizini kwaye ihleli ekugqibeleni emva kwemidlalo emine.
Baroka FC: Vries, Kgoetyane, Shaku, Banda, Mothupa, Moeti, Madubanya, Mdantsane, Chawapihwa, Ntshangase, Nguzana
Free Stars: Sangare, Phungwayo, Hlubi, Mbhele, Keita, Keita, Masehe Mokhuoane, Jantjie, Mobbie, Mthembu.
Ixhwele laseKZN noonyana balo ababulala indoda baza kufaka isicelo sebheyile