Umqeqeshi weBoks uyayivuma induku – kodwa…

Umqeqeshi waMabhoko-bhoko, u-Allister Coetzee, uyakuvuma ukubethwa kweqela lakhe yiNew Zealand – kodwa ke uthi zikhona izinto azikhethayo kulo mdlalo nangona kunjalo. UMzantsi Afrika ubethelwe oogqirha nezicaka yiNew Zealand ngo’57-0 kumdlalo weRugby Championship obuse-Aukland namhlanje emini. Kokwesibini iiBoks zingonjwa olu hlobo, kunyaka ophelileyo zabethelwa eThekwini ngo’57-15. Phambi komdlalo bekukho ithemba lokuba iSpringboks zingenza ngcono kumdlalo wanamhlanje xa zidlala neKiwis emva kokuqhuba kakuhle kwimidlalo yalo nyaka – ngelishwa akubanga njalo. Iimpazamo ezenziwe ngamakhwenkwe kaCoetzee zizo ezisetyenziswe kakhulu yiNew Zealand eyiyeyona igqugqisayo kumbhoxo wehlabathi.

“Size emdlalweni sikwazi okufunekayo nesifuna ukwenza. Isiqalo sethu asibanga sihle konke konke. Zininzi iibhola esiziphunculeyo phakathi ebaleni – kodwa sithe sakusibamba isingqi sethu, kuye kwacaca futhi sikwazile ukudlala umdlalo wethu wesiqhelo,” utshilo uSteve Hansen.

Lo mdlalo ubonisile ngokwenene okokuba iNew Zealand ngoompetha kumdlalo wombhoxo waphinda wabonisa okona kwenza kubekho umahluko phakathi kwala mazwe. “Ngeke ndithi bekukubi olohlobo. Sidlale kakuhle kwimizuzu engamashumi amabini yokuqala emdlalweni. Ibhola besiyigcine kamnandi esandleni kwaye sithi abalawule umdlalo. Ewe, ndiphoxeke gqithi  nabadlali bakhathazekile kakhulu. Konke okwenzekileyo akwenzekanga kuba bekungekho nzame zenziwayo. Zikhona iindawo esizikhethayo nangoka singakwazanga ukugqobhoza,” utshilo uCoetzee obebindekile emva komdlalo.