iiBlizbokke zisikhusele isidima sazo eHong Kong

IiSpringbok Sevens zikwazile ukukhusela isidima sazo kwimidlalo yeHong Kong Sevens emva kokubetha i-Australia, ngo’14-12 kumdlalo wokulwela indawo yesithathu ngeCawa.

Emva kokuba abafana bakaNeil Powell bebethwe yiNew Zealand kumdlalo ophambi kwamagqibela kankqoyi, baye bazimisela ngokuthi baphucule umdlalo wabo bazicholela amanqaku alishumi elinesixhenxe.

Ngoku iiBlitzbokke zihlile zaya kutsho kwindawo yesithathu kuluhlu lamaqela eeSevens kwihlabathi.

IiBlitzbokke ngezibethiwe yiAustralia, kodwa ipenalthi ibikhatywa nguJames Stannard khange iqabele. Lo mdlalo uthetha ukuba iBlitzbokke igqibe ikwindawo yesithathu okwesibini kule tumente.

IFiji ikwazile ukukhusela intshinga yayo yaseHong Kong ngokubetha iNew Zealand ngo’21-7 kumdlalo wamagqibela kankqoyi. Kumdlalo wayo neAustralia, iBlitzokke ibibonakalisa ukukhululeka xa uthelekisa nomdlalo obuphambi kwalo. Abadlali beBlitzbokke bebesenza iimpazamo ezincinci kumdlalo wabo neNew Zealand.

Ziqale kakuhle kakhulu iiBlitzboks, ikapteni uKyle Brown uphinde wafakwa kuluhlu labadlali abebeqala kulo mdlalo wazo neAustralia, kwaye wafumana ithuba lokungqengqa emgceni.

Kwimizuzwana emva koku uSiviwe “Shakes” Soyizwapi nobedlala umdlalo wakhe wokuqala kwiiSevens uye waqhekeza udonga langemva le-Australia wayokuwela emgceni.

Kwimizuzwana nje embalwa iBlitzbokke ibihamba phambili ngamanqaku alishumi elinesine, yabambelela kwade kwaphela umdlalo.

chris.gilili@inl.co.za