IiBulls zidlale ngcono kuneStormers

Kumlo kaDavide noGoliyathi kwiSuper Rugby kule mpalaveki edlulileyo, iiBulls zibonakalise ubunganga ngethuba zibetha iStormers ngo’17-13 kumdlalo obudlalelwa eLoftus Stadium ngokuhlwa ngoMgqibelo.

IiBulls ziye zakwazi ukubambelela kwirekhodi lazo lokuphumelela yonke imidlalo yasekhaya, ngoku ziyalingana ngamanqaku neStormers kuluhlu lwamaqela alapha e-Afrika kwiSuper Rugby.

Kushiyeke imijikelo embalwa phambi kokuba kuyiwe kwimidlalo yokulwela ukuya kumagqibela kankqoyi. IiBulls bezisebenzisa abadlali abanamandla kakhulu xa kufikelelwa kwiskram, kwaye bezingenasizi kwaphela xa zihlaselayo. Abadlali abancinci abafana noJannes Kirsten, RG Snyman, Jason Jenkins badlale ngokuzimisela kakhulu bencediswa ngabadlali abanamava njengekapteni * -Adriaan Strauss noMarcel van der Merwe.

Amathemba eeBulls ooSchalk Burger, Siya Kolisi khange balibone elidlalayo ngoMgqibelo. Iqela laseMpuma Koloni iSouthern Kings khange liqhube kakuhle kwakhona, zibhuqwe ngo’53-0 ziiSharks kumdlalo weSuper Rugby ubudlalelwa eKings Park. IiSharks khange ziqhelisele zisuka kulo mdlalo kwaye bezikhangela amanqaku ngebhola nganye. Umdlalo weeSharks ubulawulwa kakhulu yikapteni kwanomdlali okhabayo uPat Lambie.

Ngelixa kusiyiwa ekhefini, iiSharks zikwazile ukuqabela emgceni amatyeli amathandathu. Kwisiqingatha sesibini iiKings ziye zabonakala ngathi ziyavuka emaqandeni kodwa sele litshonile ilanga.