Iimbaleki zaseCumakala zinceda abahluphekayo kwakhona

Iimbaleki zaseCumakala zolulela abantu abahluphekayo izandla kwakhona phambi kokuphela komnye unyaka onzima. Phantsi kweqela leembaleki ekuthiwa yiStutterheim Athletics Club, iimbaleki zagqiba kwelokuba zibethe imali zicele nasebantwini ukuze ziphe abantu abahluphekayo ukutya ngethuba bekuqatsele kakhulu iKhorona kunyaka ophelileyo. Nakulo unyaka, seziqalisile nokwenza amatiletile okuqokelela inkxaso kwiinkalo ezahlukeneyo. Ngomhla wesithandathu kule nyanga yeNkanga kuphehlelelwe elinye iphulo ngomdyarho weembaleki obuyi50km oquke iimbaleki ezingaphaya kwamashumi amabini ebezisuka kwiindawo ezifana neMonti, iQonce nezinye iindawo.

Injongo ephambili kukuqokelela izihlangu zabantwana besikolo abafunda uGrade R ukuya kuGrade 7 abaza kuzinikwa xa kuvulwa izikolo kunyaka ozayo. Ngomhla wokuqala, iimbaleki zikwazile zizodwa ukuqokelelela abantwana abasibhozo izihlangu ezihamba neekawusi zazo nemali ebalelwa kumawaka amabini erandi (R2 000). Unobhala weStutterheim Athletics Club, uMnu. Sicelo Pongoma, uvakalise uchulumanco yindlela iphulo labo eliqale ngayo. “Iimbaleki zikwazile ukuthengela abantwana abasibhozo izihlangu neekawusi zashiya nemali engamawaka amabini,” utshilo unobhala.

“Siyazamkela izipho ezisuka ebantwini ukusukela ngoku ukuba ngempelaveki yomhla weshumi elinethoba kwinyanga yokuqala kunyaka ozayo. Sizimisele ukunxibisa abantwana abafikelela kwwikhulu bezikolo ezilapha eCumakala,” utshilo uMnu. Pongoma. Abantu bangazishiya izipho kwindawo ekuthiwa yiCollets Pharmacy esedolophini eCumakala. Umntu ongakwaziyo ukufikelela kuyo angasebenzisa ikhasi likaFacebook ekuthiwa yiTaking_Care_of_Cumakala. Okanye batsalele umnxeba umququzeleli weStutterheim Athletics Club kwinombolo ethi: 084 957 6860. Zonke izinto ezisuka ebantwini zakunikwa abantwana xa izikolo sezivule zonke ngokupheleleyo.