Iimbaleki zaseKenya zishiye abantu zemka nemali yaseGqeberha!

Iimbaleki ezaziwayo eziphuma kumaphondo elizwe loMzantsi Afrika nakwamanye amazwe bezidibene eGqeberha – apho zikhuphisene khona ngempelaveki egqithileyo. Itumente eqalwe kunyaka ophelileyo, iAbsa Run Your City 10K, ivelise ezinye iintshatsheli ezintsha kwicandelo lezeembaleni. Kulo unyaka, yindedeba yaseKenya egama linguVincent Kibet Langat eqhumisele ezinye iimbaleki ngothuli emva koko yathatha nemali elibhaso. Emgameni oziikhilomitha ezilishumi ze’Absa Run Your City, uLangat ubaleke ixesha eliyimizuzu engamashumi amabini anesibhozo (28:01) kwicala lamamene.

Kanti nakwicala lamanenekazi, intshinga ithathwe yimbaleki yaseKenya zikhona iimbaleki zaseMzantsi Afrika. Obambe indawo yokuqala kumanenekazi nguDian Chepckorir. Iimbaleki zaseMzantsi Afrika eziqhunyiselwe ngothuli zithethelelwe ligqala elinamashumi amathathu eminyaka, uElroy Gelant, ubambe indawo yesibini emva kokubaleka amashumi amabini anesibhozo nemizuzwana (28:17). Enye imbaleki ezamileyo ukufumana indawo ephambili nguPrecious Mashele obambe indawo yesithathu. UMashele ushiyene ngemizuzwana noGelant obambe indawo yesibini emadodeni.

Emva kogqatso, uGelant weBoxer Athletics Club uvumile ukuba bekunzima kakhulu. “Ndize ndisazi ukuba ugqatso luza kuba nzima kakhulu ngenxa yomoya. Ekuqaleni kuye kwanyanzeleka ukuba abaleke esebenzisa ubulumko ngenxa yomoya,” utshilo uGelant ethetha neTop Runner. Kanti naye uMashele ukhale ngento efanayo noGelant. “Bendizixelele ukuba ndifuna ukubaleka ngendlela esemgangathweni ophezulu ngoba bekukho into endifuna ukuyizuza kwiGqeberha 10K. Ukuzihemba bekukhona kum noxa bensisazi ukuba siza kuphazanyiswa ngumoya,” utshilo uMashele emva kokufumana indawo entle.

Umsunguli we’Absa Run Your City, uMichael Meyer, uziqhwabele izandla zonke iimbaleki eziphumeleleyo emva kogqatso. “Into esiyibone apha ayinambaliso. Kukho ukuphucuka okubonakalayo ukusukela oko sithe samema iimbaleki zehlabathi. Nomgangatho weembaleki zalapha eMzantsi Afrika utsho wanyuka,” utshilo uMeyer. UMphathi kwicala leentengiso, uJabulile Nsibanyoni, ubulele zonke iimbaleki ezithathe inxaxheba ukuze ugqatso lube yimpumelelo. Ezinye zeembaleki eziqhube kakuhle ziquka uSelam Gebre, uBlandina Makatisi waseLesotho noGlenrose Xaba walapha eMzantsi Afrika.