URiveiro ubatyityimbisela umnwe abadlali bakhe emva kuka7-1

UTshegofatsho Mabasa ufake amagowuli amathathu emdlalweni weDStv Premiership obuphakathi kwe’Orlando Pirates neGolden Arrows ngempelaveki egqithileyo.

Umqeqeshi we’Orlando Pirates, uJose Riveiro, ulumkise abadlali bakhe emva kokuvuthulula iGolden Arrows ngelithi lo nto ingabaphazamisi ezingqondweni zabo. Ebusuku ngoMgqibelo odlulileyo, iPirates ibethele oogqirha nezicaka Abafana Bes’thende ngemvula yamagowuli asixhenxe kwelinye (7-1) emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe e’Orlando Stadium. Amagowuli ephumelele ngawo iPirates afakwe nguTshegofatsho Mabasa amathathu, amanye afakwe nguRelebohile Mofokeng, uKabelo Dlamini, uSandile Mthethwa noKarim Kimvuidi.

Phambi kweziphumo ezihle zeveki ephelileyo, ibikhe yagqwidiza kakubi iPirates. Futhi abalandeli bayo bavakalise ukungonwabi kwabo kuba kunokwenzeka ingakwazi ukufumana indawo yesibini kwiDStv Premiership.

URiveiro ubalumkisile abadlali bakhe ngoba akafuni kuphazamiseka kwakhona ngoba ukhuphiswano lwendawo yesibini luthande ukukhula ngoba iStellenbosch FC neSekhukhune United zisebenzela ukubuyela kwimidlalo yeCAF Confederation Cup efunwa nguRiveiro kwelinye icala.

“Njengokuba bendikhe ndatsho ngaphambili, andifuni ukuthetha ngeziphumo. Andiqondi noko abadlali bam bebekufanele ukugxekwa ngendlela abagxekwe ngayo emidlalweni emihlanu egqithileyo. Asingeke sikwazi ukuguqula iziphumo zomdlalo,” utshilo uRiveiro emva komdlalo ngempelaveki.

”Siyazama ukulungelelanisa izinto nendawo esifuna ukuvala isizini sikuyo. Kuyanyanzeleka sitshintshe phaya naphaya ukuze kwenzeke le nto siyifunayo. Indawo esiyifunayo siyayazi, ukuba sigxekwa ngenxa yeziphumo – siyayamkela lo nto,” utshilo uRiveiro.

Inqabile kwiDStv Premiership into yokubona iqela lifake amagowuli asixhenxe emdlalweni omnye. “Ukuba impumelelo yethu ka7-1 singayithatha ngendlela elungileyo, yinto engasikhuthaza kakhulu. Andithethi ngamagowuli esiwafumeneyo, ndithetha ngendlela esidlale ngayo umdlalo.

“Indlela yethu ngeke ibe lula emva kwalo mdlalo. Akazukusoyika amaqela, kufuneka sizikise ukucinga sijonge apho sifuna ukuya khona. UMabasa ngumdlali owenza iqela lidlale ngcono kwaye unaso isakhono sokufaka amagowuli,” uvale ngaloo mazwi umqeqeshi. IPirates indwendwela AmaZulu emdlalweni weNedbank Cup ngempelaveki.