UVusumuzi Vilakazi uthi ebeyirhalela iKaizer Chiefs ngoku isaleleyo!

UVusumuzi Vilakazi ngumqeqeshi weRichards Bay.

Umqeqeshi weRichards Bay, uVusumuzi Vilakazi, uthi ebengavuya ukuba ebenokufumana iKaizer Chiefs ngoku isabethekayo. OkaVilakazi ukutsho oku kuthe nco entliziyweni yakhe emva kokuba iqela lakhe libethe iMoroka Swallows ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe eKing Zwelithini Stadium ngempelaveki egqithileyo. Noxa iRichards Bay isahleli kwindawo yeshumi elinesihlanu – kodwa amanqaku amathathu aza kuba khuthaza abadlali bayo.

Ukuphumelela kwalo iqela likaVilakazi kulibhekelise ngamanqaku amahlanu kwiCape Town Spurs esajijisana netshoba. Ngenxa yemidlalo yeNedbank Cup ngempelaveki elandelayo, amanye amaqela aza kufumana ixesha lokuphumla. Akayithandi lo nto umqeqeshi weRichards Bay ngoba ebefuna iqela lakhe lifumane omnye umdlalo ngoku kusekutsha emva kwempumelelo. Ngoku liza kulinda umhla wamashumi amabini kuTshazimpuzi eliza kudibana ngawo neChiefs.

Elangazelela iChiefs nje umqeqeshi kungoba uyayazi ukuba unethuba lokufumana amanqaku amathathu kuyo kuba ayiqhubi kakuhle. Kwimpelaveki egqithileyo, ibethwe yiChippa United ngamagowuli amabini eqandeni. Kanti phambi kobungempelaveki umdlalo, ibethwe yiStellenbosch FC ngegowuli elinye. Ethetha emva komdlalo obungempelaveki, uVilakazi uthe ebengavuya ukudibana neChiefs ngoku isaleleyo. “Bendiza kuvuya ukuba bekuthiwa sidibana neChiefs ngale mpelaveki siya kuyo,” utshilo uVilakazi.

Ngelishwa lakhe, angadibana neChiefs seyiphinde yafumana amandla. “Asikwazi ukudibana nayo ngenxa yemidlalo yendebe. Xa abantu besalele, ingase ubafikele ngelo xesha ngoba xa bevukile bangenza ingxaki,” utshilo uVilakazi okuthe qabu kuye okomzuzwana. Nangona indlela yeChiefs imxinwa kule sizini – kodwa uCavin Johnson uthembise ngelithi iqela lakhe liza kulwa kude kube ngumzuzu wokugqibela. Okwangoku yiTop 8 into engalwelwa yiChiefs ngoba abhekele amaqela alwela indawo yesibini nokuya kwiCAF Confederation Cup kwisizini ezayo.