Iteknoloji ingxamile kwezolimo

Idroni.

Ezolimo lelinye lawona macandelo anengeniso ehlabathini. Kodwa ngenxa yokukhula ngokukhawuleza kweteknoloji, amathuba okuba abantu basebenze kwezolimo ayancipha.

Amafama kweli nakwihlabathi angxamile asebenzisa ubiqili obuvezwa yiteknoloji kwezolimo.

Abo banemfundo ephantsi babhenela kwezolimo ukuze bakwazi ukwenza ingeniso baze bondle iintsapho zabo, kodwa amathuba okuba baqeshwe ayancipha.

Iidroni

Idroni ebhabha phezu kwamasimi ecuba. Umfanekiso: Love Silhouette

Iidroni sesinye sezixhobo ezitsha eziqatshelwa ngokukhawuleza ngamafama amnyama asaqalayo kwezolimo nokufuya. Amaninzi kuwo aphuma esikolweni awakhange adibane nezifundo zeteknoloji ezinento yokwenza nezolimo.

Kunyanzelekile ukuba amafama akufunde, akwamkele ukusebenzisa izixhobo zala maxesha ezifana needroni. Idroni le sisixhobo sokufota nokuthatha ulwazi ngokufotha ngokuthi sithunyelwe esibhakabhakeni.

Sikwazi ukuthatha imifanekiso echanekileyo ngakumbi xa sithe sathunyelwa esibhakabhakeni. Umfama udinga ulwazi olulodwa ukuze akwazi ukusebenzisa idroni, akwazi ukuyithumela nokuyibuyisa ukuba ibuyele kwindawo emi kuyo.

Inkqubela yezityalo lolunye lolwazi ekwaziyo idroni ukuliqokelela xa ithe yathunyelwa ngumfama entsimini yakhe. Iyakwazi ukumxelela ukuba zeziphi izityalo ezivuthiweyo kwanezo zinengxaki zidinga ukunikwa ingqwalasela.

Iyakwazi ukufikelela kwiindawo umfama angakwazi lula ukufika kuzo ezinkampini zakhe imnike ingxelo. Umzekelo woku kukuba xa iinkomo zilimele enkampini kwindawo efihlakeleyo umfama uyakwazi ukuthumela idroni ijikeleze efama yakhe de ifike kwindawo ekuyo imfuyo ayikhangelayo.

Ukusebenza kwayo kuxhomekeke ngamandla kwindlela umnikazi wayo ayisebenzisa ngayo. Kwiinkampi zasefama iyakwazi ukuqaphela iingcingo eziqhawukileyo okanye iindawo ekungena kuzo utshaba luhlasele imihlambi.

Iyalunika ulwazi malunga nezilo zasendle ezifana noodyakalashe, iingqawa nezinye ezingena ngobusela enkampini yomfama.

Iirobhothi

Iirobhothi ezisebenza emasimini.

Iirobhothi zikwadlala indima enkulu kwezolimo njengoko amafama kwihlabathi jikelele ezisebenzisa ukwenza imisebenzi emininzi ebikade yenziwa ngabasebenzi basezifama.

Ukusebenzisa irobhoti kuluncedo kakhulu kumafama nanjengoko zicutha inkcitho nexesha ekwenziwa ngalo umsebenzi.

Kula maxesha, amafama asoloko ebona abasebenzi beqhankqalaza kuba bekhalela izinto abatyhola ngokungazinikwa ngabaqeshi, amafama angasebenza nokuba abasebenzi bayaqhankqalaza besebenzisa iirobhothi.

Iirobhoti zisetyenziswa ngamandla xa kuvunwa, naxa kukhangelwa izifo phakathi kwezityalo. Ubungakanani bexesha ezilisebenzayo iirobhoti buxhomekeka kwindlela umfama azisebenzisa ngayo.

Kutshanje iCouncil for Scientific Industrial Research ibambisene neAgricultural Research Council baqhube uphando bekhangela umdla wamafama aqalayo ukusebenzisa iteknoloji.