Iimbethimanqindi zilungiselela ukubuyela eqongeni kwakhona

Ingqonyela yeBoxing South Africa, uTsholofelo Lejaka, emi noSiphiwe Konco, emva komdlalo kwiminyaka egqithileyoUmfanekiso: BSA/Facebook

Ngempelaveki egqithileyo, uMphathiswa uNathi Mthethwa, unike imidlalo efana neqakamba negalufa imvume yokuqhubela phambili nemidlalo kuba ukuqelelana kwabadlali iyinto eyenzekayo namathuba okosulelana embalwa.

Nangona kunjalo, akuthethi kuthi akukho nto abaphetheyo banokuyenza emanqindini.

Ngokokutsho kweNgqonyela yeBoxing South Africa, uTsholofelo Lejaka, iimbethimanqindi zingaqala ukuzilolonga, nabaphathi bazo banoxanduva lokuqinisekisa okokuba iindawo ezizilolongela kuzo zikhuselekile.

Amanqindi ngomnye umdlalo othe waqhokreka kakhulu ukusukela oko kwathi kwafika ubhubhane wekhorona kwiinyanga zokuqala zalo nyaka.

Nakubeni amanani wabantu abosulelanayo enyuka kakhulu, urhulumente ugqibe kwelokuba anyenyise intambo ukuze abantu bakwazi ukusebenza emva kokuqhotyoshwa kweentshukumo zoluntu nokusebenza kwemizimveliso yelizwe.

“Okwangoku urhulumente akakasiniki ilungelo lokuququzelela imidlalo yamanqindi ngoba iimbethimanqindi ziyagudlana xa zidlala.

Kodwa nangona kunjalo, kuvumelekile ukuba zingaqalisa ukuzilolonga. Ukusukela kule veki, amagosa eBSA ngokohlukana kwamaphondo, aza kuthi saa kwiindawo ezahlukeneyo ayokuqinisekisa okokuba zonke iindawo ezisetyenziswa ziimbethimanqindi zithobela imiqathango yezempilo ngeli thuba lekhorona,” utshilo uLejaka kwabeendaba ekuqaleni kwale veki.

Kulindeleke iitumente zamanqindi zibekho kwakhona elizweni lonke xa urhulumente ekhulule kwisigaba sokuqala ekubonakala ngathi angayenza lo nto xa kuthwasa ihlobo kulo nyaka.

Iimbethimanqindi zaseMpuma Koloni ezingakwazanga ukulwa ukusukela oko kuthe kwafika ikhorona ziza kuzuza izabelo kwimali ezizigidi ezilishumi elinesihlanu (R15-m) eza kwabelwa abaphulukene nemivuzo kwezemidlalo, kwezobugcisa nakwezolonwabo.

Izicelo zifakwa kwisebe lezeMidlalo, iNkcubeko noLonwabo apha eMpuma Koloni ungaphelanga umhla weshumi elinambini kule nyanga.