Iimbethimanqindi ziza kuxhimfana eMdantsane

UNoni Tenge uphakathi kwezinye iimbethimanqindi eziza kuthatha inxaxheba kwitumente eza kube iseMdantsane

Iimbethimanqindi ezingamanenekazi ziza kufumana ithuba elinqabileyo kule mpelaveki xa ziza kube zidibana kwitumente eseMdantsane.

Amanenekazi aziwayo emdlalweni wamanqindi uNoni Tenge unethemba lokuvuselela ikhono lakhe xa exhimfana noMapule Ngubane waseGauteng kumlo weWBF oza kube unemijikelo elishumi yonke kwiHolo loLuntu ekuthiwa yi-Indoor Sports Centre.

Umququzeleli wetumente, uSibongile Matiti, uthe balwela ukuqinisekisa ukuba amanenekazi ahlonitshwa njengamadoda kumdlalo wamanqindi.

“Besinomnqweno wokuba netumente enamanenekazi odwa kuba iyinyanga yawo le, kodwa asikwazanga ngoba uninzi lwawo luxakekile kule nyanga. Injongo yethu siyiZbashy Promotions kukuqinisekisa ukuba amanenekazi ayahlonitshwa njengamadoda emdlalweni wamanqindi. Amanenekazi anakho ukumelana nezinto amelana nazo amadoda,” utshilo uMatiti weZbashy.

Unkosazana Matiti uthi nangona iinjongo zabo ibikukulwisa amanenekazi odwa kule tumente, kodwa izazela zabo azibavumelanga ukuba bazishiye ngaphandle iimbethimanqindi ezingamadoda ezinqatyelwe yimilo.

“Ukuba uyaqaphela, zininzi iimbethimanqindi ezinesakhono ezinqatyelwe yimilo ngenxa yesimo sezemali selizwe lethu. Sibone kuyimfuneko ukuba sifake imilo embalwa yeembethimanqindi ezingamadoda. Sisikwe yinimba,” utshilo uMatiti.

Eminye imilo yetumente: ULucas Mbokazi uphekuzana noZolisa Batyi, uSibusiso Trower uvana amandla noAndile Mlokothi kwimilo yodidi loSiba. Yena * -Unathi Myekeni uza kuqhekezana noEnnelies Nkhwathi, uSilindile Mhlongo uza kujijisana noPatience Mastaraza kwimilo yodidi lweNtambanani. Yonke imilo iza kuthatha imijikelo emithandathu.

Ukanti kumlo omijikelo emine, uEnathi Stella uza kujamelana noAthule Ncedani.