Iiyunivesithi ezimbini zilwela ukufumana isicoco seVarsity Shield

Kuzaw’ qhawuka ujingi abantwana bedlala ngomso xa kudibana awona maqela ombhoxo aqhube kakuhle kwiVarsity Shield. Iqela elivale isizini lihleli phezulu kwiVarsity Shield, iFNB Fort Hare University, liza kuxikixana neCape Penensula University of Technology (CPUT) emdlalweni wamagqibelakankqoyi weVarsity Shield oza kube ubanjelwe eDavidson Rugby Field ngentsimbi yesixhenxe ngorhatya namhlanje (Lwesine). Omabini amaqela adlale ngendlela encomekayo yade yasongwa isizini.

IFort Hare ivale isizini ihleli kwindawo yokuqala emva kokuqokelela amashumi amabini anesithandathu amanqaku emidlalweni emithandathu. Emva kokungabethwa kwayo iFort Hare, iya emdlalweni wanamhlanje ifuna into enye: ukuphumelela. Kuphela kwendlela engasikhusela ngayo isidima sayo emva komsebenzi ewenzileyo kwisiqendi seVarsity Shield salo nyaka. Phambi kokuya emdlalweni wokugqibela, iFort Hare iphumelele idabi lobukhaya ngokubetha iWalter Sisulu University ngo’19-16 emdlalweni obuseDavidson Ruby Field.

Yona iFNB CPUT, evale isizini emva kweFort Hare, ibethe iFNB UKZN Impi ngo’26-24 ukuze iye emdlalweni wokugqibela. Noxa iCPUT ibikhe yabethwa kwiVarsity Shied – kodwa namhlanje izinto ziza kwahluka kakhulu ngoba iza kube idlalela indebe. Umdlalo uza kuba nzima kakhulu ngoba amaqela omabini afuna indebe eza kuba luphawu loloyiso. Emva kokungaqhubi kakuhle kwiisizini ezigqithileyo, iFort Hare ifuna ukuzibonisa uMzantsi Afrika wonke ukuba umbhoxo yaseDikeni. Iqela eliphumeleleyo liza kufumana indebe linyuselwe kwiVarsity Cup yoompondozihlanjiwe embhoxweni weeyunivesithi eMzantsi Afrika.