Itumente kaTat’uNgumbela ongasekhoyo ifumene inkxaso yezimali

Isekela-mphathiswa lesebe lezemidlalo kuzwelonke, uNksz. Nocawe Mafu, uthi isebe lakhe liza kuyixhasa itumente kaNgumbela. Umfanekiso: Facebook

Nangona engasekho uTat’ uMthetheleli Ngumbela – kodwa iinzame zakhe zokuphuhlisa iqakamba eXesi ziza kuqhubela phambili njengesiqhelo. Oku kuqinisekiswe emva kokuba umbutho weqakamba eMzantsi Afrika (Cricket South Africa) nesebe lezemidlalo kuzwelonke beqinisekisile okokuba itumente yeqakamba kaNgumbela, ebibanjwa rhoqo ngonyaka, uza kuxhwaswa ngemali. UNgumbela usweleke ekuthambekeni konyaka ophelileyo engozini yemoto. Ngokungabikho kwakhe kubekho ingcingane ethi kungahle iphele itumente yakhe eneminyaka engaphaya kwamashumi amathathu ikhona. UNgumbela wakha ibala leqakamba ngemali yakhe ekubanjelwa kuyo itumente enkulu ngenyanga kaTshazimpuzi myinyaka yonke.

Akenzanga lo nto eXesi kuphela. Wakhe amabala webhola namahashe aphalayo naseDutywa – apho ebeqhubela khona amashishini wakhe. UNgumbela wayesoloko esenza isimbonono ecela ukuncediswa ngurhulumente – kodwa ngelishwa, ude wathi quthuthu kungekho nto ecacileyo eyenziwa ngurhulumente. Isekela-mphathiswa lesebe leZemidlalo, uNksz. uNocawe Mafu, uxelele uSABC okokuba isebe lakhe liza kuxhasa itumente kaTat’uNgumbela ngemali unyaka nonyaka. UMafu ukubethelele ukuqiniswa nokubaluleka kwenkqubo yophuhliso lwemidlalo ezilalini.

“Sisoloko ligxile kwizinto ezenzeka ezidolophini nasezilokishini,” utshilo uMafu. Obethethela iCricket SA nguMnu. Pholetsi Moseki – ingqonyela entsha echongwe kwinyanga ephelileyo. Naye uMnu. Moseki uqinisekisile ukuba umbutho olawula iqakamba eMzantsi Afrika uza kubinza ngemali unyaka nonyaka. Amacal’ gusha, ligama eyaziwa ngalo itumente kaNgumbela esoloko inomtsalane omangalisayo emaqeleni eqakamba wasezilalini. Ukuxhaswa kwayo itumenente engaphaya kwamakhulu amahlanu amawaka erandi kuza kuyiqinisa ngakumbi ukuze iqhubele phambili nokuba lidlelo elihle labazingeli betalente. AbeCricket SA bayithatha njengento ebalulekileyo ngoba ikhulisa iqakamba ezilalini.