IKhwezi Ladies FC yaseCofimvaba itshatshele kwiTsomo Tournament!

Amaqela ebhola ekhatywayo amanenekazi avale inyanga yoMsintsi ngodlwabevu lwetumente ebibanjelwe eTsomo ngomhla obekubhiyozelwa ngawo amagugu namafa esizwe ziintlanga ezahlukeneyo eMzantsi Afrika. Nangona abaququzeleli beTsomo Ladies Tournament bephoxwe ngabalawuli bebala elisedolophimi abangavumanga kudlalelwe kulo – kodwa yonke into ihambe ngokwezicwangciso kwelinye ibala nalo elikufutshane nedolophi. Emva kwemidlalo yamaqela amathandathu, iKhwezi Ladies yaseNcorha, eCofimvaba, igoduke ithwele isithsaba emva kokugqugqisa onke amaqela athathe inxaxheba. Oku kwenzeke emva kokuba iKhwezi Ladies FC ibethe iGolden Ladies ngegowuli elinye eqandeni.

Kweminye imidlalo yomjikelo yokuvula itumente, iKhwezi iqale ngokubetha iPioneers ngo’2-0, iFuture Stars ibethe iGolden Ladies ngo’1-0. Yonke imidlalo ibisemgangathweni ophezulu kwaye ukuzimisela kwamaqela kunconyiwe kakhulu ngabaququzeleli betumente yamanenekazi yokuqala emhlabeni waseTsomo. Omnye wabaququzeleli betumente uxelele I’solezwe lesiXhosa okokuba bagqibe kwelokuba kubekho itumente yebhola ekhatywayo yamanenekazi odwa ngoba yinto enqabileyo leyo eTsomo. “Kule ndawo yethu, ibhola ekhatywayo yamantombzana ayikaziwa ncam. Ngokuza netumente enje, siza ukuphuhlisa ibhola yamantombazana kwiindawo ezifana neTsomo neCofimvaba,” utshilo uNksz. Nomakhwezi Manqaba.

“Linye kuphela iqela lamantombazana elisokolo lisimela ezindaweni apha. Ngoku kungcono ngoba sinawo amaqela amathandathu okanye asixhenxe emva kwetumenye. Injongo yethu singabaququzeleli betumente kukukhulisa ibhola ekhatywayo yamantombazana kuba iyinto engekaqheleki kwiilali zethu. Umzekelo: Kukho umntana ongezanga emidlalweni odlala kakuhle kuba uTat’omkhulu wakhe ethe akazukuza kuloo nto. Ngaphandle kwezinto ezincinci, itumente iqhutywe kakuhle,” utshilo uManqaba. Itumente ibicwangciselwe ukusingathwa ngenyanga yoomama – kodwa akubanganjalo ngenxa yemithetho yeKhorona.