Imbaleki yakuGatyane ifuna ukumela uMzantsi Afrika

USabelo Ndude yimbaleki yakuGatyane efuna ukumela uMzantsi Afrika ezizweni Umfanekiso: Uthunyelwe

“Ndifuna ukumela uMzantsi Afrika emazweni”, utshilo uSabelo Ndude wakuGatyane ngokukhulu ukuzithemba ngethuba encokola nentatheli yeli phephandaba.

UNdude, 41, uqale ukuba yimbaleki emdala emva kokuxikixwa ziingxakana zobomi kwiminyaka emibini edlulileyo. Nangona eqale ebudaleni, inkqubela ayenzileyo iyamangalisa kwaye sele ezivavanye kwimidyarho emikhulu eMzantsi Afrika.

“Ukubaleka ndikuqale ngo2018. Yinto endingazange ndayenza kwasesikolweni. Kundisebenzele ukubaleka ngoba nangoku ndiphile qete. Akukho nepilisi endiyityayo mna,” utshilo uNdude obalekela iZwelonke Athletic Club.

Ukuqala into entsha kusoloko kunezinto eziyimiqobo pha naphaya kodwa nakubeni kunjalo, yena uNdude unezinto azincomayo azizuzileyo.

“Ndifunde indlela yokuziphatha ekubalekeni, umzimba uhlala usempilweni. Xa ungumntu obalekayo uyalibala ngeengxaki futhi nomphefumlo uyakhululeka. Ingqondo yam ihlala ihlaziyekile emsebenzini ngoba ndingumntu ophila ngokuzilolonga,” utshilo uNdude.

Phantsi komqeqeshi wakhe uThulani Sidziya, le ntokazi yelali yaseMpozolo ibaleke kwimidyarho eliqela neembaleki eziliqela. “Ndibaleke iZwelonke Marathon 21km, iSanlam Cape Town Marathon, iSoweto Marathon, iAltra Marathon neTenza Beach Festival. Ukubaleka imigama emide kwandomeleza ndatsho ndazibona ukuba ndinaso isakhono,” utshilo uNdude.

Emva kweminyaka emibini eyimbaleki, uNdude ukhulile, ngoku ufuna ukumela ilizwe lakhe kwimidyarho yezizwe. Injongo yakhe kukuseka iqela leembaleki eliza kugxila kwimiba yempilo yabantu.

“Eyona nto eye indivuyise kukuqhuba kakuhle emidyarhweni. Ndifuna ukumela uMzantsi Afrika. Okwesibini ndifuna ukuseka iqela leembaleki eliza kuncedisa uluntu kwicala lezempilo apha kuGatyane. Kodwa ingase sixhaswe kwezi ndawo ngoba siyasokola,” uvale ngaloo mazwi.