Imbaleki yaseGwadana iziqhumisele ngothuli ezaseMonti

UYanga Malusi, imbaleki yelali yaseGwadana eDutywa, ifungele iimbaleki zaseGcuwa emva kokushiya ezaseMonti Umfanekiso: Uthunyelwe

Imbaleki yaseDutywa uYanga Malusi igacele ukuphumelela umdyarho wesithathu kwisithuba nje seeveki ezintathu emva kokuqhumisela ngothuli iimbaleki zaseMonti.

NgoMgqibelo ogqithileyo, uMalusi odume ngokubaleka, uphumelele umdyarho okuthiwa yiSole Destroyer 21km Marathon obubanjelwe eMonti. Lo nto imchulumancise kakhulu ngoba ibilityeli lesibini ephumelela iiveki zilandelelana.

UMalusi, 22, welali ekuthiwa yiGwadana oyimbaleki enekamva eliqaqambileyo, ugoduke newaka leerandi (R1000) ekhatshwe yimbasa yegolide emva kokubamba indawo yokuqala.

Kwiveki engaphaya kwale idlulileyo, uMalusi uzibonakalise kumdyarho obuququzelelwe yiZwelonke Athletic Club eMthatha, apho aphumelele indawo yokuqala kumgama oyi10km eshiya iimbaleki ebezingaphaya kwekhulu ebekhuphisana nazo.

Encokola neli phephandaba emva kokuphumelela, uMalusi uthe khange asokole emdyarhweni obuseMonti ngoba uye ezilungiselele.

“Ndiyokubaleka eMonti, ndikulindele ukuphumelela ngoba ndiyazazi iimbaleki zaphaya kwaye ndiyazishiya uninzi lwazo,” utshilo uMalusi oyimbaleki yeZwelonke Athletic Club.

Kwimidyarho eyahlukeneyo edlulileyo athathe inxaxheba kuyo, uMalusi zange zamshiya nakanye iimbaleki zaseMonti. “Nangona bendisazi ukuba ndiza kuphumelela kodwa bendiza kothuka ukuba bendinokushiywa yimbaleki yaseMonti,” utshilo uMalusi obekhuthazekile emva kokuphumelela eMthatha.

Kwiveki ezayo ngoLwesibini, uMalusi uncwase ukukhusela itayitile yakhe kumdyarho waseGcuwa ekuthiwa yiCiliwe Funeral Home Cross Country engumgama oziikhilomitha ezintandathu (6km).

Kulindeleke okokuba iimbaleki zisuke kwindawo ekuthiwa yiNcityane kwilali yaseMthintsilana phambi kwamasango esikolo saseKhedama Senior Primary.

Umququzeleli womdyarho, uLulama Tase, uthe zonke iimbaleki ezinomdla wokuthatha inxaxheba zivumelekile kwaye namabhaso akhona.