IMpuma Koloni iqale kakubi kwiCraven Week

Usuku lokuqala lweCoca Cola Craven Week liqale kakuhle kakhulu, eKearsney College, eThekwini, ngoMvulo. Amaqela amaninzi akwazile ukuzibonakalisa kolu suku lokuqala.

Iisharks, iDHL Western Province nePumas ngamaqela avule ngempumelelo kule midlalo kwaye azibonakalisa. Kusuku lokuvala, ngamanqaku ayi’296 aqokelelweyo, ngelixa ewonke la maqela athe angqengqa emgceni amatyeli angamashumi amathathu anesithandathu.

Oosotheko bale midlalo iiSharks bazibethele iqela lalapha ephondweni i-Eastern Province, kwelinye icala iDHL Western Province ibethe iBoland ngo’41-20.

Abamelwane boMzantsi Afrika iZimbabwe neNamibia nazo ziqale kakuhle kakhulu. IZimbabwe ibethe GWK Griquas, iZambia yona yabetha iGWK Griquas Rural.

Ubunikisa umdla kakhulu umdlalo ubuphakathi kweBoland neWestern Province, iBoland iqale kwizinga eliphezulu, yangqengqa emgceni kwimizuzu esixhenxe yokuqala komdlalo.

IWestern Province ikhawuleze yazilwela ngokuzimisela, yaqinisa kakhulu ngasemva, uxinizelelo belubonakala ukuba luyangena kwiBoland.

Kumdlalo wokugqibela wosuku iSharks iqabele ngaphaya kwe-Eastern Province usandula kuqala umdlalo.

Iziphumo zokuzimisela kweqela laseThekwini ziye zabonakala msinya ngelixa abadlali bengqengqa emgceni amatyeli amathathu, kwalandela ipenalthi.

I Eastern Province khange ibenantlantsi kwaphela iqabelise ipenalthi enye kuphela ukuziphendulela.

Kwisiqingatha sesibini i-Eastern Province iluqinisile udonga ngasemva kwaye yabonakalisa umdla wokuhlasela nangakumbi. Kudlule imizuzu emihlanu, yabe iwelile ekalikeni kabini iProvince.

ISharks iphinde yabuya yangeza amanqaku alishumi into ethe yatshabalalisa nangakumbi umzamo we-Eastern Province.