Indoda yaseBhayi izakumela uMzantsi Afrika!

UHanson Singaphi uzakumela uMzantsi Afrika kukhuphiswano lwe-Ironman.

Ityendyana lomfana leMpuma Koloni lizakumela ilizwe loMzantsi Afrika phakathi kwezinye izizwe zehlabathi kwi-Ironman World Championship ekulindeleke ukuba zisingathwe yiKailua-Kona, eHawaii, ekupheleni kwalo nyaka.

Oku kuza emva kokuba uHanson Singaphi, 40, welokishi yaseWalmer, eBhayi, ephumelele kwiStandard Bank Ironman Africa Championship ebibanjelwe eNelson Mandela Bay kwisithuba seenyanga ezimbini ezidlulileyo. Ngabadlali abaphuma kwihlabathi abazakukhuphisana kulo nyaka eMelika.

USingaphi uphuma endaweni etsala nzima – lo nto ithethe ukuthi kukho ukunqongophala kophuhliso endaweni. Kodwa ngenxa yokunatyiswa kwe-Ironman, naye ufumane ithuba lokumela ilizwe lakhe.

ITriathlon ngumdlalo ekudadwayo kuwo nekubalekwayo; ufuna umntu abenamandla futhi akwazi nokunyamezela.

Lo mdlalo wafika eMzantsi Afrika kwiminyaka elishumi elinesithathu eyadlulayo – kodwa ngoku sowukhule kakhulu. Ukungena kukaSingaphi kube libhaqo, wafakwa kuwo nguPaul Wolff we-Ironman South Africa ngethuba esebenza kwindawo elungisa amachibi okudada eVirgin Active gym – eBhayi.

Wafundiswa ke ukudada nguWolff, waze wafaka nakwiqela lophuhliso iSA Triathlon Development ngo’2004 phambi kogqatso lwakhe lokuqala ngo’2005. Ukusukela ngoko, uSingaphi zange aphinde ohlukane neTriathlon.

“Ndandingeyiyo imbaleki – kodwa ndabanomdla apha kwiTriathlon kuba yahlukile kweminye imidlalo. Ndiphathwa luvalo rhoqho xa ndisiya kugqatso ngoku ndineminyaka kuyo,” utsho uSingaphi.

“Bendifuna ukwenza into eyahlukileyo endaweni endihlala kuyo. Ibingumnqweno wam ukuba ngumntu omnyama wokuqala ukuthath’ inxaxhena kwi-Ironman. Ndiyakuvuyela ukuya kwiWorld Championship eziseHawaii. Kuyamangalisa okwenzeke ebomini bam; inene ndiyazingca ngendawo endikhulisileyo. Ndifumana inkxaso nkalo zonke eMzantsi Afrika,” uvale ngalo mazwi uSingaphi.