IPirates neChiefs ziza kuxhelana eFNB Stadium

Nangona iziphumo zemidlalo yaphakathi evekini bezingancumisi, kodwa kulindeleke iOrlando Pirates neKaizer Chiefs zixhelane xa zidibana emdlalweni weDStv Premiership oza kube useFNB Stadium ngentsimbi yesithathu. Amakhosi aya emdlalweni wangempelaveki exwaye impazamo futhi enxanelwe impindezelo emva kokuhlazwa kakubi emidlalweni yeMTN8 yiPirates phambi kokuphela kuka2020. Omabini amaqela aza kulwela amanqaku apheleleyo ukuze afumane iindawo ezibhetele. Emva kokubambana neTS Galaxy ngo’1-1, Ezimnyama zihleli kwindawo yesihlanu ngamanqaku angamashumi amabini anesibini eziwazuze emidlalweni elishumi elinesine. Yona iChiefs edlale ntanganye ngo’1-1 neBaroka, ihleli kwindawo yesixhenxe. Okwenzeke emidlalweni egqithileyo akuchazi indlela aza kudlala ngayo amaqela aseSoweto ngoba izinto ezenzeka emdlalweni zisoloko zinomahluko kweminye imidlalo eqhelekileyo.

UJosef Zinnbauer noGavin Hunt bavakalise ukungonwabi kwabo ngamathuba angasetyenziswanga ngamaqela wabo. Eyona akhale ngayo kakhulu uZinnbauer kukungabikho kwabadlali abafana noLepasa, uMhango noMabasa ngenxa yokonzakala. “Sinabo abadlali futhi badlala kakuhle kodwa asinayo ifolosi phambili. Iziphumo azikho zihle nangona sidlale kakuhle. Ndingatsho ndithi asinayo ifolosi enosifakela amagowuli,” utshilo uZinnbauer emva komdlalo. Akukacaci nokuba abadlali abonzakeleyo bangakhona na emdlalweni wangempelaveki. Naye uHunt ukhale ngamathuba angasetyenziswanga ngabadlali bakhe emdlalweni ogqithileyo. “Sinethemba lokuba siza kufumana amandla xa sisiya edabini,” utshilo uHunt, ongafunanga ukuthetha kakhulu emva komdlalo.

Noxa amaqela omabini enabadlali abonzakeleyo kodwa anabo abadlali abanokuwanceda ngoMgqibelo. AmaBhakaniya aza kuthembela ebadlalini abafana noThulani Hlatshwayo, uThembinkosi Lorch, uFortune Makazinye noBen Motshwari. Kanti wona Amakhosi aza kuxhathisa ngabadlali abafana noSamir Nurkovic, uNkosingiphile Ngcobo, uDumisani Zuma, uLebogang Manyama noDaniel Cardoso. Nangani isiqalo seChiefs besisibi kule sizini kodwa ukungaphulukani namdlalo emidlalweni emihlanu kuyinkuthazo enkulu ebadlalini. Kufuneka iphumelele kwakhona kodwa ukuze ikwazi ukusukela amaqela aphezulu afana neMamelodi Sundowns neSuperSport United.