Iqela laseBhayi ziintshatsheli ezintsha ze-Eastern Cape Super 14

Emva kokubetha iSwallows ngo'24-28 emdlalweni we-Eastern Cape Super 14, iProgress ithwese njengeentshatsheli namhlanje eBuffalo City Stadium. Umfanekiso: Bhekizizwe Radebe

Bekuluvuyo namayeye
eBuffalo City Stadium emva kokuba iProgress ithweliswe isithsaba emalanga
namhlanje. Iqela laseBhayi libethe iSwallows ngo’24-28 emdlalweni wokugqibela obunzima
kakhulu we-Eastern Cape Super 14 edlalwa
ngamaqela alishumi elinane – kodwa ohlulwe kabini. Ngokwenza njalo, iProgress
iphakamisele phezulu indebe yafaka engxoweni nemali ephaya kwiR60 000. Ibala
laseMonti, elilayisha abantu abangaphaya kwamashumi amabini amawaka beligcwele
qhu ngabalandeli bombhoxoo abebeyokubukela umdlalo wamaqela ombhoxo aphambili eMpuma
Koloni. Ngaphandle kwamathandabuzo, iSwallows iphoxekile kukubethwa yiProgress
ebaleni layo emva kokuvala isizini ingaphulukanga nawo namnye umdlalo.

   Image may contain: 3 people, outdoor  

Amaqela
adlale ngokuzimisela omabini njengoko bekulindelekileyo. Isigaba sokuqala
somdlalo silawulwe liqela laseMdantsane (iSwallows) – kodwa izinto ziye zajika
kwesesibini isiqingatha esilawulwe yiProgress equqe ibuyelela emhlabeni
weSwallows. Umsantsa ongephi emanqakwini ephumelele ngawo iProgress uxela
indlela umdlalo obubambene ngayo. Umqeqeshi weProgress, uEric Toring, uxelele
eliphephandaba ekuqaleni kweveki okokuba iqela lakhe liza kudlalela ukuphumelela
eMonti, ngokwenene kwenzeke njalo. Nakubeni iProgress ibidlalela kude kowayo –
kodwa abalandeli bayo, abebephume ngobuninzi, baqinisekise okokuba abadlali
abayiva lo nto. Bagoduke bethe khunubembe abalandeli beSwallows engakuqhelanga
ukubethwa xa idlalela ekhaya.