Isecicini lokuthengiswa iButterworth FC

IButterworth FC edlala kwiMotsepe League isecicini lokuthengiswa ngenxa yokunqaba kwenkxaso-mali. Umfanekiso: Anele Raziya

Iqela elidlala kwi-ABC Motsepe League, iButterworth FC, isemngciphekweni wokuthengiswa ukuba akufumaneki abaxhasi kude kuphele isizini.

IButterworth FC, ebiyiWalter Sisulu Yunivesithi, iqale isizini ka-2017/18 ikhangela abaxhasi kodwa kunanamhlanje ayikabafumani.

Umnikazi weli qela, uBanzi “Bra Ace” Siyongwana, encokola neli phephandaba uthe kusenzima ukufumana inkxaso.

“Kudala ndizama oosomashishini nabanye abantu ukuze kukhule iButterworth FC – kodwa nangoku akukho mntu obonakalise umdla,” utsho Siyongwana.

Kunyaka ophelileyo amakhwenkwe kaSiyongwana afince isizini ehleli phakathi kwamaqela asibhozo ayephambili.

Nangona lo msebenzi mhle bekulindeleke ukuba urhwebeshe abaxhasi lula kodwa kubonakale kungekho njalo.

Oko kwaqala isizini, uBra Ace, ukhupha kuye epokothweni imali ukuze akhwelise iqela lakhe.

“Ukuba siyokudlala kwindawo ezifana noBhayi kufuneka ndibhatale imali yokukhwela, eyokutya neyokulala,” utsho uSiyongwana.

Imali ayichithayo emidlalweni kwinyanga enye uyiqikelela kumashumi amathathu amawaka eerandi (R30 000) kuba zikude iindawo ekudlalelwa kuzo.

Ekuqaleni kwesizini iButterworth FC yaphulukena nomqeqeshi uMoses Khenyeza owayeyipheka kakuhle, kodwa ngenxa yokungabikho kwemali yokumbhatalela indawo yokuhlala, eyomvuzo nokutya kwanyanzeleka ahambe.

Kutshanje eli qela liphulukene nabadlali abanamava abahlanu emva kokufuna ukubhatalwa.

Lo nto ize noxinizelelo kubadlali abashiyekileyo kuba iqela lihleli kwindawo yeshumi elinesibini kwiMotsepe League.

USiyongwana uthi ufuna iintwana zakhe zilwele ukungathotyiselwa emva koko azokucinga ngekamva leqela.

Nangona iButterworth FC ingayifumani inkxaso nakuMasipala waseMnquma, kodwa idlala indima enkulu ekukhuliseni uqoqosho kuba ityelelwa ngamaqela asuka kwezinye iindawo.