ISharks isinde ngolambisa kwiKings!

  Kuyena mdlalo obujongwe ngamehlo abombu ngabalandeli bombhoxo, iSharks isinde ngolambisa kumdlalo weSuper Rugby izolo emalanga ngethuba ibetha iKings ngo’19-17 kwibala iKings Park Stadium. Nangona Okrebe [Sharks] bebedlalela enkundleni yabo – kodwa imizuzu engashumi asixhenxe bezibanjwe ngobhongwane yiKings ebikhangela impumelelo emva kokubethelwa ekhaya kwiveki ephelileyo. Iqela leMpuma Koloni liye kulo mdlalo liphantsi koxinizelelo – kodwa liyivimbile iSharks amanqaku ebhonasi. Emva kokuba iSharks iphumelele imidlalo emibini yeSuper Rugby ngokubetha amaqela ombhoxo wase-Australia [Brumbies neWaratahs] – kodwa indlela edlale ngayo izolo ibimbi kakhulu. Abadlali beSharks bbengakwazi ukugqobhoza futhi nomdlalo wabo ubungenalo ifuthe – into eyenze abadlali beKings bafumane amandla wokuhlala emdlalweni. Khange abonakale tu uBenhard Janse van Rensburg ongene endaweni kaPatrick Lambie – ongadlaliyo ngenxa yokwenzakala. Kuye kwanyanzeleka akhutshwe uVan Rensburg kwakwisigaba sokuqala ngenxa yeempazamo azenzileyo emdlalweni. IKings bezixhathisile kakhulu futhi zidlala umdlalo omhle ngenxa kaCronje noChris Cloete.

Abafake amanqaku:

Sharks 19 – Abalele emgceni: Lourens Adriaanse, Kobus van Wyk. Penalties: Curwin Bosch (3).

Kings 17 – Abalele emgceni: Ruaan Lerm, Makazole Mapimpi. Conversions: Lionel Cronjé (2). Penalty: Cronjé (1).

No automatic alt text available.