ISouthern Kings iphumelele okokuqala eNelson Mandela Bay Stadium!

Stephan Coetzee of the Southern Kings during the Guinness PRO14 2017/18 game between the Kings and the Dragons at Nelson Mandela Bay Stadium, Port Elizabeth on 2 March 2018 © Deryck Foster/BackpagePix

ISouthern Kings iphumelele umdlalo okokuqala kwitumente yePRO14. Eli qela laseMpuma Koloni libethe iqela lase Wales elibizwa ngokuba yiDragons ngo’45-13 kumdlalo ububanjelwe eNelson Mandela Bay izolo.

Enze iimpazamo ezininzi amakhwenkwe kaDeon Davids kwisiqingatha sokuqala, kodwa aye ekhefeni ekhokele ngo’14-7 emva kokulala emgceni kukaLuzuko Vulindlu noMasixole Banda bencediswa linqina likaKurt Coleman.

Isebenzile intetho kaDeon Davids ngethuba lekhefu ngoba azinyusile iikawusi amakhwenkwe wakhe kwisiqingatha sesibini, kangangokuba ayo kulala emgceni izihlandlo ezine. Umdlalo odlala ephikweni, uLuzuko Vulindle, elele emgceni kabini kulo mdlalo.

Impumelelo yeSouthern Kings ibeka iDragons kwindawo embi kwiPRO14 emva kokuba ibethwe imidlalo elishumi elinambini ilandelelana. IDragons yayigqibela kweyoMsintsi kunyaka ka-2017 impumelelo xeshikweni ibetha iKings ekundleni yayo iRodney Parade, eWales. Nangona ephumelele amakhwenkwe kaDeon Davids – kodwa asahleli emsileni kwiPRO14.