ISpringbok

silungiselela

iCastle Rugby

Basithoba abadlali abazakubuyela enkampini kwiqela leSpringbok njengokuba sele liqalile namalungiselelo eCastle Lager Rugby Championship.

Ugqirha weqela uCraig Roberts uthi uqinisekile ukuba uJean de Villiers, Jan Serfontein, Fourie du Preez, Willem Alberts and Pieter-Steph du Toit bonke bangakwazi ukuba bafumaneke kwiqela lesizwe okokuqala kulonyaka.

Kuzakufuneka kuthathwe izigqibo mayelana nokufumaneka kuka Trevor Nyakane kunye noHandre Pollard ababebonakalisa ukwenzakalo kumdlalo kunye neNew Zealand.

UVictor Matfield, JP Pieterson, Francois Louw kunye noJannie Du Plessis abazujongwa xa kutyunjwa iqela elizakujamelana neArgentina.

UFrans Steyn nosachacha kakuhle emva komenzakalo wakhe uye wakhutshwa kweliqela ngokungxamisekileyo emva kokusweleka komntakwabo kusasa ngoMvulo.

“UFrans uye wandixelela zibekwa emva kokuba siphuma ebaleni kusasa, ebesandula kufumana umnxeba omxelela ngezindaba zimbi zokusweleka komntakwabo,” utshilo umlawuli weqela leSpringbok * -Ian Schwartz.

Umqeqeshi uHeyneke Meyer kuza kufuneka axoze mphini wumbi ukulungiselela umdlalo wango Mgqibelo. Kodwa uMeyer uzakube enayo icentre uJean de Villiers, uFourie duPreez kunye nomdlali wase cabangeni uWillem Alberts.

Ezinye iindaba ezizakuba mnandi kakhulu kwiqela leSpringbok zezokuba ilock yeeSharks uPieter Steph Du Toit angadlala kumdlalo wangoMgqibelo. Le ndedeba igqibele ukudlala kwiinyanga ezine ezidlulileyo ngenxa yokwenzakala edolweni.

“UDu Toit udlale imizuzu engamashumi amane kumdlalo weeSharks kunye neeLions nobulungiselela iCurrie Cup, kwaye inkcazelo evakalayo kukuba umenzakalo wakhe khange uphazanyiswe ngula mdlalo, sivuya kakhulu yindlela adlale ngayo ngoku besiziqeqesha ukuba uyigqibile leveki angakwazi ukuba ndimtyumbe,”utshilo uMeyer.

Kulindeleke ukuba libhengezwe namhlanje iqela leSpringbok eliza kudlala ngoMgqibelo.