Zithini iindaba ngo-Lisakhanya Pepe?

Sisathe chu kuhle ngokuncokola namagqiyazana azenzela udumo kwiqonga losasazo kuMzantsi Afrika.

Ingakumbi abo baphuma kwiphondo leMpuma Koloni, nabakhanyisa isibane seli phondo kumabonakude nonomathotholo.

USimphiwe Mbutuma-kaFreddie weliphepha-ndaba unqakule unondaba weendaba zesiXhosa kwijelo likamabonakude uSABC 1 uLISAKHANYA PEPE wamngcambazisa wenjenje:

SIM: Kanye-kanye ngubani waphi lo Lisakhanya Pepe?

LISA: Hahaha! Oh! ULisakhanya Pepe uzalelwe wakhulela kuNtselamanzi eDikeni. Ndizelwe kwiminyaka engamashumi amathathu eyadlulayo.

SIM: Ufunde phi, ukhuliswa ngubani kwikhaya elinjani?

LISA: Ngumhakhulu wam, utata kunye no-dabawo. Iminyaka eliqela ndiyichithe kwadabawo wam, ndifunda eLovedale Primary , ndayokuqala aphakamileyo eJabavu High eDikeni, ndade ndabe kanti ndiya eBhayi kumama wam ukuze ndigqibezele izifundo zamabanga aphakamileyo (uGrade 11 & 12) kwisikolo saseMasibambisane kwalapho eMambozana.

Ikhaya lona yayilikhaya elifudumeleyo, besibaninzi kwaye ngethuba besibancinane besidibana ngesitya somphokoqo esityeni esinye.Hahaha!

SIM: Udibana phi kengoku nosasazo? Ingaba yinto oyifundeleyo?

LISA:Ndaya kwiYunivesithi yaseWalter Sisulu eMonti, ndafaka isicelo sokwenza izifundo zokuntathela (Journalism) kuba kaloku ndandifuna ukubhala, kodwa ndathatyathwa kwizifundo zosasazo (Broadcasting) kuba yayizifundo endandizikhethile nazo.

Ndidibene nosasazo ngonyaka ka-2010, kwiminyaka emibini emva kokuqoshelisa izifundo zam, ndaqala ngokufunda iindaba kwisikhululo sasekuhlaleni iNkqubela FM eBhayi, nalapho ndandisenza nenkqubo-ndaba yesosikhululo (Current Affairs). Ekuyeni kuphela konyaka ka-2011 ndaqala ukusebenzela iBay TV apho ndaba ngumfundi weendaba wokuqala wesasikhululo.

SIM: Ubukhuthazwa kukujonga kubani ngelixesha lonke?

LISA: Ngabantu abafana no-Mam’uNoxolo Grootboom, uZodwa Nogilana kunye notat’ uFikile Lubisi.

SIM: Ukuba ubungafundi iindaba, ngowusenzani, phi?

LISA: Ngendingu Advocate Pepe.

SIM: Baziva njani ngawe kuNtsela nakokwenu kengoku?

LISA: Indawo endiphuma kuyo ndayenza yazingca. Ukuphuma kwindawo yakuNtselamanzi zange kucingwe ukuba igama lakhona lingakwindawo ebanzi ngenxa yegama lam. Ayilosapho lwam nje kuphela, kodwa noluntu lokuhlala jikelele.

SIM: Kokuphi ukutya okuthandayo?

LISA:Ndiyawuthanda kakhulu umphokoqo ngaphezulu kwento yonke..Hahaha!

SIM: Uzilungiselela njani iindaba ukuze ungabhudi?

LISA: Ndihlala ndiwutsala ezantsi umphefumlo kwaye ndiphole, kwaye ndiqinisekise ndifika ngexesha andidyuduzeli kwigumbi leendaba ukuze ndibe nokufunda kakuhle amabali wam.

SIM: Akhona amathuba wamanina kwicandelo leendaba xa ujongile kule mihla?

LISA: Anawo kakhulu Sim, qha uninzi lwethu asizithembanga ukuba singayenza lento, kule mihla abasetyhini bayanikwa amathuba.

SIM: Uzibona uphi kwiminyaka ezayo ingakumbi kweli khondo?

LISA: Ndingathanda ukukhula ngakumbi, mhlawumbi ndizibone ndisebenza phaya ngasemva kwiminyaka ezayo.

SIM: Nibangaphi kowenu?

LISA: Thiza! Asibaninzi Sim, ndinoodade abathathu kwicala likamama, babebathathu nomntakwe kwicala likatata, oko kwenza isixhenxe. Hahaha!

SIM: Xa ungekho matasa-tasa uzonwabisa njani?

LISA: Ndibukela imiboniso okanye ndiyokuthenga ukuba imali ikhona..LOL!

SIM: Uyakhonza?

LISA: Ewe, ndiyakhonza eNew Hope.

SIM: Wenza njani xa udakumbile?

LISA: Ndifowunela uDabs wam, siye sithandaze kunye ndigqibe ndidlale iCD yenkonzo.

SIM: Izicwangciso zomtshato nosapho?

LISA: Thiza! Hahaha! Ndicinga ukuba liphupha laye nawuphi na umntwana oyintombazana ukuzibona etshata. Kwaye ndingomnye wabo, ndifuna ukuba nabantwana ababini ndi-adopthe omnye ukuze babebathathu.

SIM: Khuthaza abo bafuna ukulandela ezinyaweni zakho?

LISA: Kholelwa kwiphupha lakho, eli lizwe lelethu makhosikazi kwaye nendawo ophuma kuyo ingabi ngumqobo emaphupheni akho.

SIM: Uthanda ntoni ngoMzantsi Afrika?

LISA: UMzantsi Afrika lilizwe elihle, kwaye ndithanda nokuba abasetyhini bayakwazi nokudlala imidlalo ibikade idlalwa ngamadoda. Siqhuba iimoto into engekhoyo kwamanye amazwe.

SIM: Ukhona kumakhasi wonxibelelwano?

LISA: Ewe, ndikhona kuFacebok.