ISundowns iya kowokugqibela weCaf Champs League

UPercy Tau weMamelodi Sundowns noMisheck Chaila weZesco eLucas Moripe Stadium. Umfanekiso: BackpagePix

IMamelodi Sundowns izenzele imbali namhlanje kwibhola yezwekazi le-Afrika ngokuthi izibekele indawo kumdlalo wamagqibela kankqoyi weCaf Champions League ngokubetha iZesco United yaseZambia ngo’2-0 kumdlalo obuseLucas Moripe Stadium kubusuku banamhlanje.

Kwiveki ephelileyo Amasandawana abuyeke eZambia imisila iphakathi kwamathanga emva kokubethwa yiZesco ngo’2-1.

Namhlanje izinto ziye zaguquka. Isibavubavu seDowns, u-Anthony Laffor, sithathe apho siyeke khona kwiveki ephelileyo ngethuba sifaka igowuli lokuqala namhlanje kwimizuzu nje emihlanu umdlalo uqalile.

Eli ligowuli linike iSundowns amandla okubambelela kwaye kuye kwanyanzeleka ukuba iqela laseZambia lisebenzele ukufumana amagowuli, ekungenani, amabini ukuze lidlulele phambili – lo nto ebingeke yenzeke lula kwiqela elifana neDowns kwiCaf Champions League.

Ifolosi yeyo iZesco, uWanza, khange iyiphumlise iSundowns phaya emva ngoba ibinkqonkqoza ingayeki kwiimpondo zikaDennis Onyango.

Phambi kokuphela kwesigaba sokuqala uKeagan Dolly noPercy Tau bawafumene amathuba okongeza amagowuli ebhodini – kodwa wala unozinti weZesco United.

Kwesesibini isigaba iDowns ibuye ityhile kwelinye iphepha. UPercy Tau ufake ngentloko elinye igowuli lesibini leMamelodi Sundowns ngomzuzu wamashumi amathandathu anesine emva kokufumana ibhola egotywe kakuhle nguTeboho Langerman kwicala lasekhohlo.

Ngalo ndlela kwaba kuzalisekiswa ilizwi likaPitso Mosimane alithethe emva komdlalo eZambia kwiveki ephelileyo – apho athe: “Ngeke basibethe eLucas Moripe Stadium”.

Ngoku iDowns izakudlala umdlalo wokugqibela weChampions League emva kokubuyiselwa kolu khuphiswano yiCaf okwesibini emva kokukhutshwa kwelinye iqela elenza iziphoso.

Ezi ntshatsheli ze-Absa Premier Soccer League zizakuxikixana neZamalek yaseYiphutha.