ISundowns yenze imbali eMntla Afrika

IMamelodi Sundowns iqale ngonyawo oluhle kwimidlalo yeCAF Champions League ngokubetha iqela lase-Algeria i-ES Setif ngamagowuli amabini eqandeni ngokuhlwa ngoMgqibelo.

ISetif iwuqale kakuhle lo mdlalo kwaye ifumene ithuba lokufaka igowuli ngomzuzu wesine kodwa khange ikwazi ukulisebenzisa. Emva koko khange kubonakale mathuba kakhulu kulo mdlalo kuba omabini la maqela ebezana ukungena kakuhle emdlalweni.

Ngomzuzu wamashumi amathathu anesithathu, iSundowns iwubonile umnatha ngenqina likaTiyani Mabunda. Uyilungisile le bhola engaphandle kwebhokisi yeSetif ukuze afake le bhola emnatheni. ISetif ibifuna ukuziphendulela kwimizuzu nje embalwa emva kokuba lingenile eli gowuli.

UKhama Billiat ufumene ithuba lokufaka igowuli lesibini leSundowns ngebhola ayinikwe nguKeagan Dolly, kodwa khange akwazi ukulisebenzisa ithuba. Emva kokuba kubuyiwe ekhefini iSetif ikwazile ukufaka uxinizelelo kwiSundowns kodwa isuke yaba ngamandwendwe afake igowuli lesibini.

Inzalelwane yaseZimbabwe uBilliat uzibonakalisile isakhono sakhe, xa eqhaqha abadlali bangemva beSetif wafaka igowuli lesibini leSundowns.

ISetif ibizintshatsheli zeCAF ngonyaka ka2014. Lo ibingumdlalo wesibini kwesithoba ukuba iSundowns iphumelele xa ikwesi sigaba kwiChampions League. Ngumdlalo wokuqala wokuba eli qela lalapha ekhaya liphumelele xa lidlala eMtla Afrika.

Umdlalo olandelayo ngoku oza kudlalwa ngabafana bakaPitso Mosimane, ngumdlalo phakathi kwabo neqela laseNigeria i-Enyimba ngomhla wamashumi amabini anesithoba kule nyanga.