Itumente yomnyazi iqaqambisa amantombazama ezikolweni

Umdlalo womnyazi ufumene ufunqu ongumangaliso emva kokuphehlelelwa kwetumente entsha eza kudlalwa zizikolo kwilizwe lonke. Le tumente entsha exhaswa nguDStv iza kudlalwa ngabantwana bezikolo abaneminyaka ephakathi kweshumi elinesithandathu ukuya kwabaneshumi elinethoba leminyaka. Phantsi kwale tumente entsha ekuthiwa yiDStv Schools Netball Challenge, izikolo zamabanga aphantsi ziza kuqala ukukhuphisana ezithilini, kulandele imidlalo yamaphondo kugqibele ekazwelonke eza kukhupha iintshatsheli. Eli livelatanci likaMultiChoice lifika kakuhle eyifake phantsi kwekhwapha lakhe yonke imidlalo yezikolo eMzantsi Afrika.

Okuhle ngale tumente kukuba abantwana beelali nabeedolophi baza kufumana amathuba alinganayo okubonwa besebancinane. “Umsebenzi wethu kukukhulisa italente nokwakha izakhono eza kuthi zihlale ixesha elide. Itumente yezikolo inika amantombazana ithuba elihle lokuziqaqambisa ukuze abonwe ngabacholacholi betalente. Siyaziqhenya ngegalelo esilenzileyo ebholeni ekhatywayo nasembhoxweni. Ngoku lithuba lokuba sifunqule umnyazi,” litshilo igosa likaMultiChoice, uJoe Heshu. Konke oku kwenzeka ngethuba elihle uMzantsi Afrika uqala amalungiselelo weNdebe yeHlabathi yomnyazi eza kubanjelwa eKapa ngonyaka ka-2023. Abadlali baza kufumana ithuba lokubonwa ngabaqeqeshi beqela lesizwe.

“Silisebe sivuya kakhulu xa uMultiChoice noNetball SA besizisa itumente enje ngale. Emva kokuzuza amalungelelo wokusingatha iNdebe yeHlabathi, singuRhulumente sifuna ukubona okulilifa kuxhanyulwa ngamantombazana ayakuthi athathe ibhola yomnyazi ayibeke kwelinye inqanaba,” utshilo uNksz. Nocawe Mafu, isekela-mphathiswa weZemidlalo kuzwelonke. Abaqeqeshi bezikolo namagosa emidlalo aza kuphatha imidlalo onke aza kufumana uqeqesho olusemgangathweni ophezulu. Izikolo ezifuna ukudlala kwiDStv Shcools Netball Challenge kufuneka zibhalise apha: www.saschoolsnetball.co.za