Ityendyana laseNgqushwa liya eMelika ngomso

UMelikhaya Nyokana uya eMelika

Emva kokusokola ixesha elide, uMelikhaya Nyokana, ukulungele ukuya phesheya – apho azakumela uMzantsi Afrika.

UNyokana unduluka ngomso ukuya eMelika – apho azakukhuphisana khona noompondo zihlanjiwe kwiindolotyi.

Lo mfana welali yaseChisirha uzithembile kakhulu emva kokugqugqisa apha ekhaya kwiindolotyi nasemva kokuba enzelwe into enkulu ngumasipala waseNgushwa othe waxhasa iinkquleqhu zakhe ezingokuphakamisa umdlalo awuthandayo nendawo yakhe.

“Ndiyinzalelwane yalapha eChisirha, eNgqushwa. Ndiya eMelika, ndiyodlala khona iindolotyi,” utshilo uNyokana.

“Kudala ndingumdlali wendolotyi. Ngo-2015 kwasekwa umbutho weendolotyi apha eMpuma Koloni. Lo mbutho waye walihlakani lombutho wendolotyi kwihlabathi, emva koko kwaye kwakho isimemo esithi makubekho abadlali abaphuma apha eMzantsi Afrika. Ngo-2015 kwabakho itumente – kodwa akuzange kubekho mntu oya eMelika ngenxa yokunqaba kwemali. Kwitumente ebilapha eQonce kunyaka ophelileyo, ndabayintshastheli – kulapho ndabetha khona uLubabalo Kondlo. Yiyo lo nto ndisiyomela uMzantsi Afrika,” utshilo uNyokana.

Njengokuba iindolotyi ingumdlali ongadumanga eMzantsi Afrika, abadlali bawo bayasokola kwicala lenkxaso – kodwa yena lo mdlali uye wancedwa nguMasipala. “Ndincedwe ngulo masipala, ndiyahamba ngoLwesihlanu. Impumelelo endiyifumeneyo ithetha lukhulu kum.

“Ndiyavuya xa ndibona oonondaba ngoba lo mdlalo uzawutsho ukhule. Abanye baziyeka iindolotyi kuba besithi awukhuli lo mdlalo,” utshilo uNyokana.

“Akukho nto indikhathazayo ngoku ngoba yonke into ndiyifumene, ndiyomela uMzantsi Afrika, abantu bayakholwa ndim kwaye bayafuna ukundibona ndiphumelela. Kufuneka ndibancumise abantu nosodolophi abone ukuba akayilahlanga imali. Ingqondo yam izinzile ngoku kwaye abandazi aba ndiya kubo,” uvale ngalo mazwi uNyokana.

pedro.mapelo@inl.co.za