Ivalwe ngamanqindi inyanga kaChris Hani, kuKomani

Ivalwe ngengxikela yetumente yamanqindi inyanga yeqhawe

lomzabalazo, uChris Hani, kuKomani, kwibala iTobi Kula kutshanje, apho umbutho wamanqindi wengingqi yaseChris Hani ubumeme amaqela amanqindi aphuma kwezinye iingingqi eziquka iNkonkobe, iFort Hare, iFort Beufort kunye namaqela aseChris Hani. Uluntu lomasipala weChris Hani, kunye neengigqi ezingqongileyo beluphume ngendlu ngeenjongo zokuxhasa le tumente nabadlali.

Umququzeleli wale tumente, uMabhuti Mapeyi, uthe injongo yabo ngale tumente kukuvala inyanga yenkululeko, inyanga kaChris Hani kunye nokukhulisa umdlalo wamanqindi kwiMpuma Kapa. Umapeyi uthe: “Le midlalo ibimihle kakhulu, zonke iimbethi manqindi zibonakalise ukuzimisela okukhulu, ingakumbi ezale ngingqi yethu eziquka ezaseSADA neQueenstown Boys Boxing Club.

Kuyabonakala ukuba bekungakuhle nangakumbi xa le midlalo ibingakho rhoqo ukuze abantwana bahlale emabaleni, bangadibani neziyobisi notywala.”

Le nkokheli iqhube yathi, iyayibulela nenkxaso abayifumene kumasipala waseLukhanji, oweChris Hani kunye neYouth Council yale ngingqi.

Le tumente ize kanye xa la maqela elungiselela imidlalo yephondo ezakuba kwinyanga ezayo kumasipala we-O.R. Tambo, apho kuzakuba kusilwa abadlali abakudidi olubizwa ngokuba yi-Elite. Kulindeleke ukuba iintshatsheli zeminyaka edlulileyo zaseChris Hani eziquka, * -Ati Hola, zilwele iintshinga zazo.

Iimbethi manqindi zaseChris Hani zingena kwiinkapu zoqeqesho kungentsuku zatywala.

Lo kaMapeyi uvale ngelithi iyamonelisa indlela abadlala ngayo abadlali baseChris Hani kangangokuba uyaqiniseka ukuba zikhona iintshatsheli ezizakuphuma kubo nakulo unyaka.