Ivule umsantsa wamanqaku amane phezulu iDowns!

Gaston Sirino of Mamelodi Sundowns challenged by Mpho Kgaswane of Baroka FC during Absa Premiership 2017/18 match between Baroka FC and Mamelodi Sundowns at the Peter Mokaba Stadium, Polokwane on 08 April 2018 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Njengokuba
isizini ye-Absa Premier Soccer League isongwa, ilelo nelo iqela lizama
ukuqokelela amanqaku kangangoko. IMamelodi Sundowns, ehleli phezulu kwiPSL,
iphinde yazibonakalisa namhlanje ukuba ngokwenene iyayifuna indebe ngokubetha
iBaroka FC ngo’2-1 kumdlalo obutak’iintlantsi ePeter Mokaba Stadium emalanga.
Ngoku iqela likaPitso Mosimane livule umsantsa wamanqaku amane phezulu.
ISundowns ishiya i-Orlando Pirates ehleli kwindawo yesibini – kodwa engadlalanga
kule mpelaveki, ngamanqaku amane. Umdlalo ubumhle kakhulu futhi iBaroka
iphantse yayothusa iDowns kwisiqingatha sokuqala.

Amava aqokelelwe
ngabadlali beMamelodi Sundowns ekutyhutyhatyhutyheni kwabo kwizwekazi le-Afrika
abonakele kwaye asebenzile kumdlalo obunzima ePolokwane namhlanje. Ukuzimisela
nokunxanelwa impumelelo yenye yezinto ezithe zanceda iDowns kumdlalo
wanamhlanje. ULucky Nguzana ubhakuzelise umnatha kumzuzu wamashumi amabini
ananye umdlalo uqalile emva kokuba abadlali beDowns boyiswe kukuchitha ibhola
ebisuka ekoneni. UKhama Billiat, uPercy Tau, uGaton Sirino noSibusiso Vilakazi
bahlanganise iibhola kubonakala ukuba bafuna igowuli lokulinganisa phambi
kokuya ekhefini. Yenzekile lo nto emva kokuba umdlali wasemva, uWayne Arendse,
evalele emnatheni ibhola ethe gqi ngasekoneni ekunene.

Amakhwenkwe
kaMosimane aphakamise umdlalo wawo kwisigaba sesibini somdlalo ekwakhangela
indlela yokufumana igowuli lesibini. Emva kokuhxathisa ixesha elide ihlaselwa macala
onke iBaroka – uTau ude wagqobhoza kumzuzu wamashumi asixhenxe ananye. Emva kwegowuli
lokugqibela emdlalweni, iSundowns iqinisekise ukuba iyavala emva nakubeni
abadlali beBaroka FC bebezama ukufumana indlela yokufaka igowuli lokulinganisa.
Emva kwamashumi amabini anesihlanu emidlalo, ngoku iDowns inethuba elihle
lokuzuza indebe yePSL kwakhona ebithathwe yiBidvest Wits kwisizini ka-2016/17.

Baroka FC: Dlamini, Kgoetyane, Banda, Madubanya,
Mohwatseleng, Chawaphiwa (Ngalande 13’), Mothupa, Mdantsane (Sodi 78’), Sidumo
(Matloga 63’), Kgaswane, Nguzana.

Amalalela: Vries, Matloga, Mosele,
Ngalande, Mapheto, Sodi, Mabotja.

Mamelodi Sundowns: Onyango, Morena, Arendse,
Nascimento, Langerman, Billiat (Brockie 85’), Madunda, Kekana, Sirino (Manyisa
75’), Vilakazi (Zwane 73’), Tau.

Amalalela: Mweene, Madisha, Zwane,
Lebese, Zulu, Brockie, Manyisa.