Ivulwe ngemvula yamagowuli imidlalo yePSL

URhulani Manzini weChippa United ecelwa umngeni nguMario Booysen (ekunene) weSupersport United UMFANEKISO: SAMUEL SHIVAMBU/BACKPAGE PIX

Abalandeli bebhola bafumene into enqabileyo kule veki. Imidlalo yePSL iqale ngemvula yamagowuli.

Kwimidlalo nje emine, kufakwe amagowuli alishumi elinesihlanu. Onke amaqela adlalele ekhaya aphumelele. Ibuyise izitya iChippa United ngokuthi ibethe iBaroka FC ngo’2-1 kumdlalo obunzima eNelson Mandela Bay Stadium.

Ingcangcazelise umnatha zisuka iBaroka ngebhola kaMaboke Matlakala – kodwa uMenzi Masuku noRhulani Manzini bayilungisile loo demesha. Le mpumelelo izincedile iiChilli Boys kuba zisendaweni ebhetele ngoku.

Uburhalarhume beBidvest Wits bushiye ukuzithemba kwabadlali be-Ajax Cape Town buzingceba emva kokuyinkula ngo’5-0.

Ubungqwabalala beqela likaGavin Hunt bubhence iinjongo zalo kule sizini zisuka nje kumdlalo walo wokuqala kulo nyaka mtsha.

Kulindeleke iswantsulisane namaqela afana neMamelodi Sundowns, iSuperSport United, iKaizer Chiefs neCape Town City eze kakubi kakhulu. Amagowuli weWits afakwe nguPhakamani Mahlambi, uThulani Hlatshwayo, uJames Keeene namabini kaGabadinho Mhango.

USiphiwe Tshabalala, uBernard Parker noWillard Katsande baqinisekise ukuba Amakhosi avula unyaka kakuhle emva kokubetha iFree State Stars esokolayo ngo’3-1, eFNB Stadium. Igowuli leStars lifakwe nguMohammed Anas sekonakele kakhulu.

Ezi ziphumo zilincedile iqela likaSteve Komphela elizama ukufumana indebe yePSL emva kokubuya liphaca kwisizini edlulileyo.

Ukubethwa kweStars eqeqeshwa nguSerame Letsoaka kuzongezile iingxaki zayo ngoba kukhula uxinizelelo ebadlalini. UGeorge Maluleka, obebgumdlali oqaqambileyo kulo mdlalo, ubancomile oogxa bakhe – kodwa wathi ngebenze ngcono kwakwisigaba sokuqala somdlalo.

ULebogang Manyama, uLetsie Koapeng noJudas Moseamedi ngabo abancede iCape Town City ephumelele ngo’3-0 ibetha iHighlands Park esazama indlela yokuphuncuka emsileni.