IWits yenze edume ngazo kwakhona

Kwiveki enye, iBidvest Wits, ibethe amaqela amakhulu aseSoweto iqala nje isizini yePSL. Ekuqaleni kwale veki iWits ibethe iKaizer Chiefs ngo’2-1 kumdlalo we-Absa Premier Soccer League. Namhlanje iphinde yenza edume ngazo ngelixa ikhupha i-Orlando Pirates kumdlalo weMTN 8 ngokuyibetha ngo’2-1 eBidvest Stadium namhlanje ebusuku.

AmaBhakaniya ngawo ahambe phambili kuqala kulo mdlalo ngomzuzu weshumi elinesihlanu ngepenathi efakwe ngu-Oupa Manyisa. Kodwa ngomzuzu wamashumi amathathu anesixhenxe uBuhle Mkhwanazi ufake igowuli lokulinganisa emva kwebhola ebhutyuzwe ngunozinti wePirates – uFelipe Ovono.


Isigaba sokuqala ebesilawulwa yiWits siphele omabini la maqela ebambene ngo’1-1. Ibuye iPirates kwisigaba sesibini ingcono – kodwa ayikwazanga ukufaka ibhola emnatheni nangona amathuba ebekhona wokongeza manye amagowuli. Emva iBucs ibonakalise ubuwoko-woko bayo ngethuba ingakwazi ukukhusela u-Ovono obebamba eyeka amatyeli aliqela iibhola ezibuhlungu zeWits. UTendai Ndoro akakwazanga kwaphela ukusebenzisa amathuba awafumeneyo kule mdlalo.


Kuthe xa umdlalo uchwechwela esiphelweni uThulani Hlatshwayo wafaka igowuli lesibini leWits. Ngalo ndlela yaba sisiphelo sePirates kwiMTN 8, ilandela iKaizer Chiefs ekhutshwe yiCape Town City izolo ebusuku nePlatinum Stars ekhutshwe yiChippa United emalanga namhlanje.