Jomo: Ndakufa ndiyiqeqesha iJomo Cosmos

“Kule minyaka ingamashumi asithoba izayo ukuba inkosi isandigcinile, ndakube ndisaqeqesha iJomo Cosmos,” utshilo uJomo Sono emva kokuba iqela lakhe lithotyiselwe kwinqanaba elingezantsi kwakhona.

Le yintetho kaJomo ebibonakalisa ukuzithemba, kodwa kubonakala ukuba ikhatshwa kukukhathazeka ngenxa yeqela lakhe elihla lisenyuka phakathi kwePremier League neFirst National Division,

kule minyaka isondeleyo eshumini . Nangona ibinalo ithuba lokuhlala kule igem iCosmos, iphazame ngokuyeka iMaritzburg United ifake amagowli amathathu onke ayithathe ayisindise ezembeni.

Ethetha neentatheli emva kokubethwa kweqela lakhe ngoMgqibelo, uJomo, ulitsho latsola esithi akaziboni elahla njengomqeqeshi weJomo Cosmos.

“Sifake isicelo sokwenza eli bala lasePotchefstroom. Siyaxolisa kubalandeli, iintsapho zethu, usodolophu esixhase ngendlela emangalisayo. Eli bala sincwase ukudlalela kulo kwiminyaka emininzi kakhulu ezayo,” utshilo uSono.

Ezenkosi zivale isizini ye-Absa Premier Soccer League zihleli kwindawo yokugqibela zinamanqaku angamashumi amabini anesihlanu emva kokudlala imidlalo engamashumi amathathu. Ziphumelele nje imidlalo emithandathu, zaphulukana nemidlalo elishumi elinesixhenxe zaze zadlala ngokulingana kwimidlalo esixhenxe.

“Kube kancinci sifike kwindawo ebeziyifuna kule sizini. Asililo iqela elilwela ukungena kwimidlalo yeMTN 8 thina, kodwa besicinga ukuba sakuhlala kwindawo yeshumi elinesine. Siwabethile amaqela amakhulu kule sizini, yiyo lo nto sicinga ukuba sizobuya. Ndiqinisekile niyibonile nonke iBlack Leopards ukuba idlale njani kule sizini, kodwa niza- kuwabona amaqela indlela azakulwa ngayo xa kukho iCosmos, ungafunga uthi bebesikhumbula,” utshilo uSono.