Kekana: Singayiphumelela enye indebe

Hlompho Kekana. Umfanekiso: BackpagePix

Nangona iveli le ibixakekile kwiMamelodi Sundowns – kodwa lo nto ayiyithintelanga ekufumaneni iziphumo ezihle. Amasandawana abethe iPolokwane City ngo’2-0 kumdlalo weTelkom Knockout izolo ebusukui.

Nkokuphumelela kwayo iSundowns ifumene ithuba lokudlulela kumjikelo olandelayo weTelkom. Amagowuli afakwe nguHlompho Kekana neThemba Zwane. Ukudlala kakuhle kwayo iDowns kumonwabisile kakhulu ukapteni ngakumbi emva kweveki enzima ephumelele kuyo iCaf Champions League.

“Sizingomba isfuba ngalo msebenzi siwenzileyo. Ukuba indlela esidlala ngayo ayinakutshintsha – isifanele indebe. Ndiyavuyisana nabadlali, siphumelele indebe ye-Afrika,” utshilo uKekana.

“Singayiphumelela enye indebe xa siqhubela phambili nendlela esidlala ngayo. Kubalulekile kodwa ukuhlala sithobekile. Siyawuhlonipha ke kodwa umdlalo webhola ekhatywayo,” utshilo uKekana.

Kwayizolo amaqela aphumelelo athelekisiwe: iMamelodi Sundowns yamkela iSuperSport United. Apha Amatsatsantsa a Pitori azakufuna ukubuyisa isixhiba emva kokubethwa yiDowns kumdlalo weMTN8 ekuqaleni kwesizini. Abatshakazi bePSL, iBaroka FC iphinda emva kwendlu neCape Town City – kanti yona iKaizer Chiefs izakudlala neFree State Stars. Komnye umdlalo kulindeleke ukuba i-Orlando Pirates iswantsulisane neHighlands Paks.