Khange kubekho elifuna ukoyiswa eGinsburg Stadium

UMthatha Bucks ngethuba udlala neTornado FC umdlalo wobuhlobo eGinsburg Stadium emva kwemini ngoMgqibelo. Umfanekiso: Zenande Maqubela

Njengokuba imidlalo isathe nqumama kwiNational First Division ngenxa yeeholide netumente yebhola ekhatywayo, i-2017 Africa Cup of Nations, uMthatha Bucks udlala imidlalo yobuhlobo ngelizama ukugcina abadlali besemgangathweni owamkelekileyo emva kweKrismesi. Namhlanje eli qela laseMthatha lidlale neTornado FC kumdlalo wobuhlobo kwilokishi yaseGinsburg cebu kuhle kwidolophi yaseQonce.

Lo mdlalo uphele ebambene ngegowuli elinye macala la maqela emva kwemizuzu engamashumi asithoba. UMthatha Bucks ububophe abadlali abaninzi abangafane bafumane lokudlala neqaqobana labadlali abathile kwabo baziwayo. Kanti yena uThobela Bikwane, umqeqeshi weTornado, ebezenabo phantse bonke abadlali bakhe. Ngokuqinisekileyo ebefuna [uThobela weTornado] ukusebenzisa eli thuba ukuze alungise iimpazamo ezenziwe ngabadlali bakhe kumdlalo we-ABC Motsepe League obuseBhayi izolo – apho iqela lakhe libethwe yiLion City ngo’2-1.

Aliqhubanga kakubi iqela lakhe – kodwa bekucaca ukuba lidibene neqela eliphethwe ngamadoda amakhulu ngoba kuye kwanyanzeleka ukuba linyuse umxakatho. Kwangoko kwisigaba sokuqala, iiBucks, lingcangcazelise umnatha emva kokunikelana kwabadlali ngebhola ngeyona ndlela imangalisayo.

Emva kokubhalisa ebhodini, Amathol’amnyama, aqhubele phambili nokufaka uxinizelelo kubadlali beTornado ngelikhangela igowuli lesibini. Afike abadlali sebethe qwa futhi [nabo] sekubonakala ukuba bangxamele ukufumana igowuli lokulinganisa.

Yenzekile lo nto emva kweenzame eziliqela kanye phambi kokuya kwabo [abadlali] kwixesha lokuphumla. Kuyiwe kwixesha lokuphumla amaqela omabini ebambene ngo’1-1. Khange kubekho nto inomtsalane kangako kwisiqingatha sesibini ngoba omabini la maqela akakwazanga ukusebenzisa amathuba avelileyo nangona omabini la maqela ezenzile iinguqu.

UMthatha Bucks ubuyela enkomeni kwiveki yesibini kwinyanga ezayo. Kulindeleke ukuba wamkele iJomo Cosmos kumdlalo wokuqala ku-2017 eMthatha Stadium.