Izakuvela kwinkundla kaMantyi wakuGatyana namhlanje indoda ejongene netyala lokuhlaba ibulale enye emgidini obukwilali yaseChafutweni kwakuGatyana, ngomhla wesihlanu kule nyanga.
Le ndoda inamashumi amabini anesihlanu ibanjwe ngamapolisa akuGatyana kwiveki ephelileyo emva kokuba ihlasele yabulala ixhoba elinamashumi amabini anesixhenxe ubudala ngethuba besemgidini.
“Esisibini kuvakala ukuba sibe nengxabano ngento engaziwayo neye yakhokelela ekuba umrhanelwa arhuthule imela wahlaba ixhoba kumzimba ongentla. Ixhoba liye labhubha kwangoko kwindawo yexhwayelo.” Oko kudizwe sisithethi samapolisa aseGcuwa uKapteni Jackson Manatha.
Igama lexhoba alikachazwa ngamapolisa de kwaziswe izihlobo zalo njengoko kusekutsha.
Kusenjalo amapolisa aseDutywa abambe umfana
onamashumi amabini ananye ubudala nohlabe wabulala ugxa wakhe oneshumi
elinesithoba ubudala emva kwengxabano ebiphakathi kwabo. Oku kwenzeke kwindawo
yentselo kwilali yaseMbewuleni kwaseDutywa.
UManatha uthi, ixhoba lihlatywe laphindwa phindwa
kumzimba ongentla ngumrhanelwa. Ixhoba nalo libhubhe kwangoko. Umrhanelwa kulindeleke ukuba avele kwiinkundla zamatyala eDutywa.
Umqeqeshi weSundowns uncoma uLucas Ribeiro owonzakalise iPirates