Kugqityiwe: Amakhosi ohlukene ngokusesikweni noGeorge Lebese!

George Lebese of Kaizer Chiefs celebrates a goal with teammates during the Absa Premiership match between Highlands Park and Kaizer Chiefs on the 21 September 2016 at Makhulong Stadium Pic Sydney Mahlangu/ BackpagePix

Ekugqibeleni ude waqhawuka umtshato obuphakathi kukaGeorge Lebese neKaizer Chiefs. Amakhosi abhengeze kwikhasi lawo lonxibelelwano, uTwitter, ukuba amthengisile uLebese. Lo mdlali uya kwiMamelodi Sundowns ekudala imzingela. ULebese, 28, uhamba emva kokuba kuvakele iindaba ezithi uKaizer Motaung ukhwebe intlanganiso engxamisekileyo ebiquka yena, uLebese nomqeqeshi – uSteve Komphela. Injongo yalo ntlanganiso ibikukuhlangabezana namahum-hum abevakala ngokuhamba kwalo mdlali.

Nangona uLebese edlalile kwiMaize Cup – kodwa akadlalanga kweminye imidlalo yokuzilungiselela isizini entsha. Ekupheleni kwesizini yePSL ka-2016/17, lo mdlali waxelela abalandeli bakhe kuTwitter ufuna ukuya apho azakudlala kuyo ibhola. Le mbombo yalo mdlali ivele emva kokuba uKomphela engamdlalisanga kakhulu kwisizini egqithileyo. Amakhosi avumile kule veki ukuba ayaxoxa neMamelodi Sundowns ngokuthengiselana ngalo mdlali.

UPitso Mosimane zange ayifihle indlela amfuna ngayo lo mdlali. Nangona iDowns ingatykityanga abadlali abaninzi – kodwa ifumene iziqwayi zodwa. Kwiveki ephelileyo, iintshatsheli ze-Afrika zamkele u-Oupa manyisa obekade edlalela i-Orlando Pirates iminyaka eliqela. Akukacaci nokuba yimali athengwe ngayo lo mdlali. Into evakeleyo kwiintsuku ezidlulileyo kukuba iChiefs ifuna uMzikayise Mashaba nemali ngaphezulu.