Ukhala ngabadlali angabaziyo umqeqeshi weBafana Bafana!

Stuart Baxter, ngethuba ethetha neentatheli namhlanje eBuffalo City Stadium. Umfanekiso: Pedro Mapelo

Iqela lesizwe lebhola ekhatywayo ligalelekile izolo emalanga, namhlanje liqale amalungiselelo walo omdlalo obalulekileyo ongempelaveki. IBafana Bafana izakudlala neZambia ngo’15:00 eBuffalo City Stadium ngoMgqibelo kumdlalo ohlakulela itumente yeCHAN. Umqeqeshi weBafana Bafana ubonakele engaswabulukanga ncam ebusweni futhi kubonakla ukuba ukuzithemba kusezantsi kuye – kodwa ngoba eyindoda emelene nezinto uzixelele okokuba uzakuzibopha nokuba zibhityile. Emva kokuba uMzantsi Afrika ubethe iBotswana izihlandlo ezibini kumjikelo ogqithileyo, uBaxter ebenethemba lokuba uzakufumana abadlali ebekade esebenza nabo. Into embi emehleleyo ekuqaleni kwale veki ibe kukurhoxa kwabadlali abalishumi. Lo nto imnyanzele okokuba akhangele abanye abadlali naye angabaziyo. Leyo ayisiyomeko ebethanda ukuba kuyo nangona bekubonakala ukuba iinjongo zakhe kukuyisebenzisa le midlalo yeCHAN ukuze alungise abadlali abazakungena kwiBafana Bafana kwixesha elizayo.

Kolu khuphiswano kudlalo abadlali abadlalela amaqela adlala kwizwekazi le-Afrika kuphela. Amazwe onke abophelelekile ukuba achonge abadlali abalapha ngoba injongo yetumente ikukukhulisa lkhaba elitsha labadlali.

“Bekunzima kakhulu ukuqokelela eli qela emva kokuba amaqela ethe arhoxisa abadlali bawo. Ndiyayiqonda ukuba ibangelwa kukuqala kwesizini lo nto – nam andibagxeki, ndiyithetha nje. Kweli ityeli; le tumente isinzimele kakhulu. Into endiyifundileyo kule tumente kukuba inzima ngenxa yexesha edlalwa ngalo. Ezinye zezinto ezibangela kubenzima kukuba ayigunyaziswanga yiFIFA futhi namaqela alungiselela isizini entsha. Besinawo umnqweno wokunika ithuba abadlali abanamva – kodwa ngenxa yezi zinto zenzekayo, izandla zethu zibotshiwe. Ingxaki endikuyo ngoku kukuba andibazi nokubazi ababadlali balapha enkampini. Ngoku kufuneka siqulunqe icebo esizakudlala ngalo. Kunzima ukusebenza nabadlali ongabaziyo – kodwa sakuzama,” utshilo uBaxter.

Iqela lesizwe loMzantsi Afrika kufuneka lizimisele emva kokuba lingazange liphumeleli umdlalo ngethuba udlala ne-Angola ekwakugcwele abathanndi bebhola kakhulu kuwo eBuffalo City Stadium. Nakweli ityeli ngeke kubelula ngoba kusoloko kukho ubutshaba ebholeni phakathi koMzantsi neZambia. Lo nto ibonakele kumdlalo wobuhlobo ophunyelelwe yiZambia kutshanje.

“Siyayazi ukuba iZambia injani, ndingatsho ukuba umdlalo wona uzakuba nzima. Into ebalulekileyo ngoku kuthi kukubumba iqela elizakudlala ngoMgqibelo. Sadibana ixesha elifutshane nangokuya sasizakudlala neNigeria – kufuneka siqinisekise ngoku sisebenza sonke. Okwangoku asikaqiniseki nokuba ngabaphi abadlali abazakudlala,” utshilo uBaxter izolo eMonti.

Njengokuba le midlalo izakuphazamisana nemidlalo ehlakulela indebe yehlabathi, uBaxter uthi kuzakunyanzeleka kubekho uhlenga-hlengiso alenzayo ngokubaluleka kwazo izinto.