Kuvalwa unyaka ngodlwabevu lomdlalo weqakamba eMonti

Kulindeleke ukuba utake iintlantsi xa uMzantsi Afrika usamkela iBangladesh emdlalweni wosuku olunye eBuffalo Park Cricket Stadium, eMonti, ngomhla weshumi elinesithandathu kule nyanga yoMnga.

Amanenekazi oMzantsi Afrika adlala iqakamba aya emdlalweni weveki ezayo efuna ukuphumelela ukuze avale unyaka ngempumelelo eyakuthi incumise abalandeli beqakamba eMonti phambi kokuvalwa konyaka ka2023.

ULaura Wolvaardt, 24, unikwe uxanduva lokukhokela iProteas Women kuyo yonke imidlalo yosuku olunye nayo yonke eyovavanyo kwinyanga yokugqibela kulo nyaka usongwayo.

Ngaphambili ebeke wanguKapteni ngethuba iqela lesizwe leqakamba lidibene nePakistan neNew Zealand engekho uSune Luus. Iindaba ezimbi kukuba iProteas Women iza kudlala neBangladesh ngaphandle kwabadlali abafana noChloe Tryon Ayabonga Khaka noNadine de Klerk ngenxa yokonzakala kwabo

Bona abadlali abatsha abaquka uAyanda Hlubikazi naye uEliz-Mari Marx baza kudlalela uMzantsi Afrika okokuqala kwaye umqeqeshi imchulumancisile lo nto. “Sincwase ukudibanisa abadlali abatsha nabadala emidlalweni yeT20.

Sifuna ukuba nika ithuba kwinqanaba eliphezulu ukuze bakwazi ukukhula. Iqela lethu liyakhula ngoba sinabadlali abatsha abangenayo kulo. Lithuba elihle lokuba abadlali abatsha baziqaqambise.

Kodwa konke oko kufuneka kwenzeke singaphulukananga nesikufuna ukuzuza xa sidibana neBangladesh emidlalweni eliqela. Kulindeleke ukuba umqeqeshi abhengeze amagama wabadlali abaza kudlala ekuqaleni kweveki ezayo.

Omabini amazwe aya emdlalweni encwase impumelelo ngoba akwagxeleshe ukuqinisa iindawo zawo kumanqwanqwa eqakamba kwihlabathi. Amatikiti afumaneka eTicketpro ngeR50.

SOUTH AFRICA: Laura Wolvaardt (Kapteni), Anneke Bosch, Tazmin Brits, Annerie Dercksen, Mieke de Ridder, Lara Goodall, Ayanda Hlubi, Sinalo Jafta, Masabata Klaas, Suné Luus, Eliz-Mari Marx, Nonkululeko Mlaba, Tumi Sekhukhune, Nondumiso Shangase, Delmi Tucker.