UZahara ugule ngenyanga ebeza kutshata ngayo

Imvumi uBulelwa Mkutukana owaziwa njengoZahara.

Ukugula kwemvumi yomculo we-Afro Soul uBulelwa ‘Zahara’ Mkutukana kuphazamisene nezicwangciso zakhe zomtshato nesinqandamathe sakhe, nebekumele ube kwinyanga ephelileyo ngokokutsho kwakhe kwinyanga kaJulayi.

UZahara nowacelwa umtshato kwinyanga kaMatshi kulo nyaka nguMpho Xaba, wayibeka yacaca ukuba ngoNovemba baza kutshata noba kanjani.

“Ndonwabe kakhulu, ngeke ndixoke. Uyandonwabisa, kwaye akukho okutshintshileyo emva kwesicelo somtshato, zonke izinto zisahamba kakuhle,” oku kwathethwa nguZahara kwinyanga kaJulayi kulo nyaka.

UZahara wacelwa umtshato engalindelanga, nalapho uXaba kwanyanzeleka adibane nomncedisi kaZahara uLisa ukulibopha liqine iqhinga lokuba abe kule ndawo wayemfuna kuyo.

ULisa wachazela abeendaba ukuba nakuba uXaba wayesele elindile ngomsesane neentyatyambo, kodwa wayenovalo lokuba isicelo sakhe singangamkelwa nguZahara.

Emva koko uZahara waveza kwikhasi lonxibelewano uTwitter ukuba sele evume isicelo somtshato sikaXaba.

“ULisa wandixelela ukuba ndileqe ekhaya kukho ingxaki edinga mna, ngethuba ndifika kwigumbi lokuphumla ndabona ibhaluni enkulu ebhalwe, ‘Nditshate’, ndavuma ngoba ndiyamthanda uXaba. Uyandixhasa kwaye unobubele,” watsho uZahara.

Eli lityeli lesithathu uZahara ethenjiswa ngomtshato, nalapho elokuqala yaba ngumsasazi woMhlobo Wenene uAmaza Ntshanga ngo-2017, emva kweminyaka emihlanu bethandana. Kwaye kwalandela u-Ian Sibiya ngo-2019 nobudlelwane babo bungazange buthathe xesha lide, baphelela emoyeni.

Ethenjiswa umtshato nje uZahara nguXaba, bebeseneenyanga ezimbalwa bethandana emva kokudityaniswa ngumhlobo. Ukanti esi sibini besele sinezicwangciso zokutshata kwinyanga ephelileyo uNovemba, kodwa ngenxa yengulo akwabi njalo.

I’solezwe ligqibele uZahara ekwigumbi labagula kakhulu, nebesele kuphele iiveki ezimbini ehlutshwa zingxaki zesibindi. Usapho lwale mvumi belucele imithandazo kubalandeli bale mvumi.

“Amanye amalungu osapho lukaZahara aseMonti agalelekile eGoli, ngelizokuhlalisa isoka likaZahara uXaba, nowenza konke anako ukukhathalela uZahara. Kubanjwa imithandazo eGoli, naseMonti ecelelwa impilo. Ukanti usapho lwakhe lwenza konke okusemandleni ukuba kuhlawulwe iindleko zesibhedlele nanjengoko imvumi le ingenayo i-medical aid,” utshilo umthombo.

Imizamo yokufumana uXaba ukuba aphawule ngale meko iwe phantsi, ukanti imaneja kaZahara uOyama Dyosiba nomnxulumanisi nabeendaba uEric Gyimah balile ukuphawula ngalo mba.