Bakhulelwe babeleka abantwana abayi-17 617 abaneminyaka eyi10 ukuya kweyi19

UMphathiswa wezeMpilo eMpuma Koloni uNomakhosazana Meth, ngosuku lweAIDS Day eMatatiele kwiveki ephelileyo. UMFANEKISO: DoH

Isebe lezeMpilo eMpuma Koloni lithi lixhalabile kukwenyuka kwenani lamantombazana amancinane abelana ngesondo de akhulelwe.

Ethetha ngoSuku lweHlabathi lukaGawulayo (World Aids Day) eMatatiele kwiveki ephelileyo, uMphathiswa wezeMpilo ephondweni uNomakhosazana Meth uthe noxa nje urhulumente eqhuba neemfundiso zempilo eyiyo, inani labo babelana ngesondo ngaphandle kokuzikhusela lisaqhuba ngokwenyuka.

“Xa abantwana abangamantombazana abaphakathi kweminyaka elishumi (10) ukuya kwelishumi elinesithoba (19) abayi-17 617 baye babeleka kwizibhedlele zethu phakathi kuTshazimpuzi ka2022 neyoKwindla ka2023, loo nto ibonakalisa ukuba abantwana bethu babelana ngesondo bengasebenzisi khondom.

“Silala obungehliyo ke yile nto kuba xa abantu bengasebenzisi khondom, basemngciphekweni wokosuleleka zizifo kunye nokukhulelwa,” utshilo uMeth.

UMeth uthi, “Asinakunikezela kubantwana bethu. Xa kufike ixesha, zebaphakame balungele ukuphakamisa eli Phondo nelizwe belibeka kwindawo engcono. Abanakukwazi ukuyenza lonto ukuba bayeka phakathi esikolweni ngenxa yokukhulelwa kwabo beselula.”

Uyalele abantwana ekubeni bazikhathalele, bazikhusele ngalo lonke ixesha.