Inzuzo yokufuya inciniba mfama

Imazi yenciniba ikhusele amaqanda ayo.

Uninzi lweendawo zeMpuma Koloni zinemihlaba engumqwebedu enokusetyenziswa lula ukufuya iinciniba nanje ngoko zithanda iindawo ezomileyo.

Kula maxesha anzima kangaka kwezolimo kumele ukuba amafama aqalise ukujonga ezinye iindlela zokuphila nokwenza umsebenzi wokulima nokufuya. Ukukhangela ulwazi ngeenzuzo zokufuya iinciniba yenye yezinto enokwenziwa ngamafama asaqalayo.

Oku akuthinteli ukuba umfama alime afuye ezinye izinto, kodwa nazo iinciniba zingafaka imali kwingxowa yomfama. Kaloku iinciniba zitya kakhulu izinto ezikhula endle, oko kuthetha ukuba ayingako inkcitho oyenza ngokufuya iinciniba. Kodwa ke kunjalo mfama kubalulekile okokuba uzithengele ukutya kwazo nje ngezinye iintaka ozifuyileyo.

Kuthiwa xa unazo efama yakho iinciniba zikukhusela ngeendlela ezininzi kwizinto ezingena ekhayeni okanye kwifama yakho. Kukho ulwazi lokuba iqanda lenciniba liyasebenza ukugxotha umbane, logama amaqokobhe weqanda lalo enceda ukwenza izitya zokusela amanzi.

Amaqanda enciniba.

Xa kusenziwa izinto zokuhomba amakhoba eqanda lenciniba ayasetyenziswa. IiKumkani neeNkosi zakudala bezisebenzisa kakhulu ikhoba leqanda lenciniba kuquka noboya bayo. Nje ngeegusha, incibina uyithengisa kaninzi, iyathengiswa iyinyama, uboya kwakunye namaqanda ayo ngexabiso eliphezulu.

Ngenxa yezinga eliphantsi lamafutha kwinyama yayo, lo nto iyenza ukuba inyama yayo ibe yenye yeenyama ezihamba phambili kwintengiso yenyama. Inyama yenciniba ixhobe ngezakha mzimba eziquka iProtheni, iPothaziyamu, uVithamini B nezinye izakha mzimba.

Iintsiba zenciniba zisetyenziswa kakhulu xa kusenziwa iimpahla zamanenekazi ezithi zibize ixabiso eliphezulu. Ufele lenciniba lisetyenziswa ukwenza izihlangu, amabhanti kwakunye nezilamba ezisemgangathweni.

Uboya benciniba eziveliswa kumazwe aseYuropu nakuMantla eMelika yahlukile kuleyo iveliswa kumazwe aseAfrika. Amazwe aseYuropu ahamba phambili ngokuthengisa inyama, uboya neemfele zenciniba.

Inciniba efama.

Iinciniba zitya zibulale uninzi lezityalo ezibangela ikhula ekhayeni lakho, logama zikwabulala izinambuzane ezininzi ezibangela iingxaki.

Amantshontsho enciniba ayakwazi ukuziphilela ngokupheleleyo emva kweenyanga ezine, kwisithuba seenyanga ezintandathu aba sele elingana nonina. Aqalisa ukukhwela xa eneminyaka emithathu ukuya kwemine amantshontsho enciniba.

UJohn Potgieter ngumfama wenciniba eSwellendam kumazantsi weKapa. “Xa kuhlasela isifo esifana nomkhuhlane weenkukhu icebo kukuzahlula zingadibani, oku kwenza ukuba zibembalwa ezihlaselwa sisifo, kodwa azifane zigule iinciniba,” kutsho uPotgieter.

Ihlabathi lihlaselwa yimbalela nezifo ezininzi, ngoko amafama kumele akhangele iindlela ezilula zokufuya eziquka ukufuya iinciniba. Ukomelela kwayo kwenza ukuba ikwazi ukujongana neengxaki zasendle.