Kuvalwe inyanga yolutsha ngesitayile eRhini

Nanjengoko kwiindawo ezininzi uluntu, ingakumbi ulutsha, luvala inyanga yalo,abantu abadala bancedisane nolu lutsha ngokuthi badlale imidlalo eyahlukeneyo eKlipfontein.

UBoniwe Hendele, umququzeleli eNdlambe kwicandelo leGolden Games, uthe unobangela wokuba babambe le midlalo kukuba bavale inyanga yolutsha kwaye balungiselela nee-Area Games ezizakuba kwidolophu yaseRhini kule nyanga kuwo lo nyaka.

Nalapho aveze ukuba badibanise bonke abantu abadala ukusukela kwiminyaka engamashumi amathandathu(60)ukonyuka nabasuka kuzo zonke iindawo ezigcina abantu abadala kulo masipala walapha eNdlambe kuquka iBarthust, Kenton on Sea, Marselle, Port Alfred kunye nezinye.

Aba bantu badala bebedlala ukukhabelana ngebhola, ukuphoselana, uhula-hula kunye nering the stick ukubala nje embalwa.UPatience Buyelwa Kani noneminyaka engamashumi asixhenxe (70) ubudala nongumhlali waseKlipfontein uthe bayakonwabela kakhulu ukudlala le midlalo nanjengoko ubaqinisa amadolo.

Uqhube wathi”Asisakuva kakhulu ukudinwa oko sathi sazibandakanya nale midlalo”.Watsho esithi nakwizitress ezibangelwa ngabantwana ziyaphela xa bedlala le midlalo.

UNontembiso Thelma Mdambatya noneminyaka engamashumi asixhenxe anesithandathu (76) ubudala nongumhlali wasePort Alfred uthe oko wathi wazibandakanya nale midlao uziva ingathi mncinane kwaye kumenze ahambe ezindaweni ezininzi kuquka iMonti, Rhini, Bhayi, Kimberly kunye nezinye nalapho aveze ukuba ebedibana nabantu abohlukeneyo nafunde lukhulu kubo. Uqhube wathi”Ndisoloko ndilangazelela ukuhamba kuba sidibana nabantu abohlukileyo kwaye sifunda lukhulu.”

NoWelekazi Pawula noneminyaka engamashumi amathandathu anesixhenxe(67)ubudala nohlala kwindawo yaseKento On Sea uveze ukuba oko wathi wadlala uyakwazi ukujikeleza aqokelele ukutya kweehagu ekuhlaleni.

Uqhube wathi ”Nokuba bendikhathazeke kangakanani ndithi ndakudibana nabanye abantu sidlale ndilibala yonke lo nto”. Nalapho bavumelene ngazwi nye ukuba bebevala inyanga yolutsha.