Liqhwatyelwe izandla iqela loMzantsi Afrika

Lamkelwe ngengoma neeVuvuzela iqela loMzantsi Afrika labadlali abaphila nenkubazeko emva kokuqhuba kakuhle kwimidlalo yeParalympics, eRio da Janeiro, eBrazil.

Eli qela ligaleleke ngentseni yangoLwesibini odlulileyo eGoli liphethe ishumi elinesixhenxe(17) lonke leembasa. Kwezi mbasa iiGolide zisixhenxe, iiSilivere sintandathu iiBronze zona zine. Ngumsebenzi omhle kakhulu lowo, yiyo nalo nto abantu bephume ngobuninzi babo ukuyolamkela eli qela.

Abanye babadlali abathe baqaqamba kweli qela loMzantsi Afrika ngaba: uCarl du Toit,23, ubuye neeGolide ezimbini – kanti yena uNtando Mahlangu,14, obuye neSilivere nangona ebeqala ngqa ukuthath’inxaxheba kwimidlalo yee-Olimpiki.

Njengesiqhelo umphathiswa weZemidlalo noLonwabo, uFikile Mbalula, ulamkele ngokwakhe iqela loMzantsi Afrika exhagwe zezinye izihandiba kwicandelo lezemidlalo.

Umphathiswa uthethe kamnandi ngoMahlangu watsho encoma nabadlali bonke boMzantsi Afrika. “Ibali likaMahlangu yinto enkulu kuba uyinkuthazo kulutsha ukuze lungangeni kwiziyobisi.

Lonke iqela leParalympics lifanele udumo emva kokusebenza kakuhle eRio. Bonke abantu bayalingana phambi kukaMdali” utshilo uMbalula.

Uphathiswa unike abaphumeleleyo iimbasa ezikhethekileyo nemali. AbeGolide banikwe iR400 000, iSilivere yiR200 000 abeBronze yiR80 000. “Sinamaqhawe kweli lizwe, baxhaseni,” utshilo uMbalula ebhekisa kumaqumrhu amakhulu.

Nabo abaqeqeshi babadlali ababuye neembasa eRio de Janeiro bafumene kumaqithi-qithi ekuphiswe ngawo ngumphathiswa.