Amavarara aquthiswe yiBlack Leopards emdlalweni weNedbannk Cup

Lesedi Kapinga of Black Leopards challenged by Pule Ntsane and Ayavuya Gocina of Amavarara during the 2020 Nedbank Cup match between Black Leopards and Amavarara at Thohoyandou Stadium, Limpopo, on 21 February 2020 Samuel Shivambu/BackpagePix

Iqela
lephondo laseLimpopo, iBlack Leopards, lelokuqala elizibeke indawo kumjikelo
olandelayo weNedbank Cup emva kokuquthisa Amavarara ngamagowuli amabini eqandeni
(2-0) emdlalweni obubanjelwe eThohoyandou Stadium namhlanje ebusuku. Amavarara
awuqale kakuhle umdlalo. Emzuzwini wesihlanu, uSihle Maso, ukhabe ibhola eye yabanjwa
ngunozinti weLeopards, uRotshidzwa Muleka. Nayo iBlack Leopards, ebikhokelwa
nguThabo Matlaba, izamile ukuziphindezela – kodwa ibhola kaLesedi Kapinga iye
yabhabha phezu kweepali. Bekucace gca ukuba iqela laseMpuma Koloni alifuni
ukulahlekelwa ngokubonakala kwenani eliphezulu labadlali emva. Itsazise igazi
iBlack Leopards emzuzwini wamashumi amabini anesithandathu ngebhola efakwe
nguThemba Ndlovu.

Kuyiwe
kwixesha lokuphumla iqela laseLimpopo lihamba phambili ngegowuli elinye eqandeni.
Kwisigaba sesibini, iqale apho ibiyeke khona iLeopards kwisigaba sokuqala. Nangona
umdlalo ubulawulwa liqela ebelidlalela ekhaya – Amavarara azamile ukudlala
umdlalo ophucukileyo. Amakhwenkwe kaMzunani Mgwigwi azamile ukunikelana ibhola
kakuhle – kodwa ebengakwazi ukuya phambili kakuhle. Lo nto yenze umsebenzi
weLeopards walula kakhulu. Ifake igowuli lesibini iLeopards kwisigaba sesibini
yatshixa emva. UMatlaba akakwazanga ukufaka igowuli lesithathu ejongene
nonozinti, uKhanya Mini. Abadlali beqela laseChris Hani ngeke bahlupheke
kakhulu kukubethwa kwabo ngoba bekungalindelekanga babethe iBlack Leopards
kokwayo eThohoyandou.

 

Leopards: Muleka, Mudau,
Matlaba, Ndou, Douhadji, Abubakar, Ng’ambi, Ndlovu, Ndlovu, Ngele, Kapinga.

Amalalela: Maduwa,
Ndawonde, Makgetlwa, Mokoena, Mncwango, Katjiukua, Khutlang.

Amavarara: Mini, Ntsane, Mzazi,
Kelepu, Twani, Gocina, Tonisi, Mbenyana, Maso, Gxaba, Lafota.

Amalalela: Gwangwa, Nqumashe,
Thwani, Velaphi, Sizane, Dayimani, Mambeshu.